
UMngqithi Uyakhala NgoZwane Kodwa Unethemba
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uManqoba Mngqithi uthi unethemba lokuba uThemba Zwane angakhawuleza aphile.
UZwane uzakuchitha iinyanga engadlali emva komonzakalo awufumana edlalela iBafana Bafana neCongo-Brazzaville kwiveki ephelile.
Lomdali oneminyaka engama35 walimala esithendeni kwiAchilles ngoku kulindeleke ukuba ahlale ngaphandle imidlalo yeSundowns emininzi.
FUNDA NALAPHA: USirino Uphawula Ngoxanduva Lwakhe KwiChiefs
Ephawula ngoZwane nomonzakalo wakhe, uMngqithi uthi lomdlali utyandwe ngolwesihlanu yaye lubeyimpumelelo.
ISundowns izakujongana neRoyal AM kwiBetway Premiership ngolwesithathu emva kokuqhwaba iGolden Arrows ngamahlanu ngomgqibelo.

Njengokuba iminyaka ingamvumeli uZwane, uMngqithi uthi lomdlali ngeke kubelula ukuba aphinde abuyele kwisimo sakhe sangaphambili.
Kodwa ke, lomakade ebona womqeqeshi unethe,mba kuba lomdlali uziphethe kakuhle yaye angakwazi ukukhawuleza aphile.
“Sinethemba Lokuba uThemba angabuya kwiinyanga ezine ukuya kwezintandathu. Siyakholwa ukuba angabuya ngokukhawuleza ngokuba ungumdlali oziphethe kakuhle, ufiti – lonto inganceda abuye msinya,” utsho umqeqeshi.
“Siyalazi izinga lakhe nendlela awuthanda nawuhlonipha ngayo umsebenzi wakhe. Siyathemba uzakusebenza nzima azokubuya ngokukhawuleza.”
Njengokuba besiya kwezikaJohn Maduka, amaSandawana agxeleshe impumelelo yesithandathu kwiitumente zonke oko bathi baphuma kwiMTN8.
Encoma ezakhe, uMngqithi uthi akangxamanga yaye uzakuthatha umdlalo ngamnye kodwa unovuyo njengokuba bekwazi ukufaka amnqaku.
FUNDA NALAPHA: Ilahlekelwe ISundowns UZwane Esonzakala
“Ndithanda ukujongana nomdlalo ngamnye. Bendihleli ndinethemba ngeliqela ukuba izinto zizakuhamba kakuhle,” utsho umqeqeshi.
“Liqela eliqinile eli yaye ndicinga liqinile kunesizini egqithile. Bendihleli ndikholelwa kubo abadlali yaye nangendlela esidlala ngayo yiyo elungile.
“Sinoxanduva olukhulu kwindebe yeCaf Champions League, kulaoho silindeleke ukwenza ngcono yaye silungise indlela yokudala amthuba.
“Kundinika uvuyo ukubona abadlali bethu bangaphambili befaka amanqaku ngendlela abenza ngayo , ndinethemba sizakuqhuba ngokwenza njalo.”
