Betway Premiership

MTN8: OwePirates Uhlonipha iStellies Esivuthayo

Njengokuba bejonge ukuphakamisa indebe yeMTN8, uMandla Ncikazi uthi kufuneka bahloniphe iStellenbosch FC evutha amalangabi.

Nanjengokuba iPirates ijongwe njengentandokazi kulomdlalo kwibala iMoses Mabhida obekelwe intsimbi yesithandathu ngomgqibelo, lomqeqeshi akavumi.

UNcikazi uthi ayisebenzi lonto ebholeni yaye kufuneka baye kulomdlalo benentlonipho ngakwiStellies esiqeqeshwa nguSteve Barker.

Eliqela laseSoweto lijonge impumelelo nalapho lingaba lelokuqala kwiPSL ukuphakamisa lendebe iisizini ezintathu zilandelana.

FUNDA NALAPHA: UBroos Ucebisa UTau Ngesimo EYiphutha

Xa sijonga indlela yabo esingise kowamagqibela-kanqoyi, ezikaJose Riveiro zibethe iSuperSport United neCape Town City kwimidlalo egqithile.

Kusenjalo, uBarker wathi wanqunqela egoqweni iTS Galaxy neMamelodi Sundowns wazibekela indawo nethuba lokuphakamisa lendebe okokuqala embalini yeliqela.

“Kuyaxhomekeka okokuba uyijonga kanjani into yokuba iqela zintandokazi ngoba xa ujonga imidlalo yethu neStellenbosch egqithile,” utsho uNcikazi.

“Ungafumana ukuba bafake amanqaku amaninzi kunathi. Ujonge nebala iMabhida, badlale imidlalo emininzi kunathi siyiPirates.

“Baphumelela nendebe kwelibala. Kodwa ke, into ebalulekile kukuba silwe nokuba sizintandokazi okanye sinabalandeli abaninzi.

“Ukuba usebenzisa izinto ezinjalo ndingavuma ukuba sizintandokazi. Kodwa xa ujonga ezinye izizathu, ngeke ndivume.

“Lilonke, iStellenbosch ngabo iintandokazi kulomdlalo.”

Xa sihleli kwiindaba ezingeqela iPirates, uNcikazi ucacise ngabadlali uOlisa Ndah noMonnapule Saleng esithi akanayo ingxelo ephelele ngesimo sabo.

FUNDA NALAPHA: Bafana Bafana: UBroos Unexhala NgabeDowns

UNdah noSaleng abadlaliswanga kwimidlalo egqithile yePirates ngenxa yomonzakalo kodwa esi sibini sihambe nesikwati ukuya eThekwini.

“Ngelishwa, andinayo ingxelo ephelele echaza ngaba badlali,” utsho uNcikazi.

“Abakwazanga ukuzilolonga neqela kwiintsuku ezigqithile. Kodwa basaxilongwa ukwenzela bakwazi ukufumaneka kulomdlalo.”