
NEDBANK: Amakhosi Aphinda Emva Kwendlu NeStellies
JOHANNESBURG: IPSL ikhuphe iziphumo zedraw apho kuqhathwe amaqela azakudlala kwitumente yeNedbank Cup yalesizini.
Iintshatsheli ezikhuselayo iKaizer Chiefs zizakundwendwela eNtshona Koloni kwidinga lazo neStellenbosch FC kumjikelo wokuqala, Last 32.
Ukanti ke, iinkunzi zaseSoweto iOrlando Pirates zona zizifumanele iqela elidlala kwisigaba esingaphantsi kweBetway Premiership iTshakuma Tsha Mazivhandila.
Njengokuba letumente isaziwa ngokudibanisa uDavid noGoliath, kulindeleke iimimangaliso njengokuba intshatsheli zeligi iMamelodi Sundowns yona izakujamelana neGomora United.
FUNDA NALAPHA: UKracaza WeDawana ULeón Uphawula Ngesigqibo Sakhe
Amakhosi athi anqunqela egoqweni iimbangi zawo iPirates kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwisizini ephelileyo yaye azimisele ukuyigcina lendebe.
Letumente idlalwa iisizini ezingama19 kulesizini yaye njengesiqhelo, kulindeleke ukuba amaqela amancinane azenzele udumo etywatyusha oompondo zihlanjiwe.
“Njonegokuba sibhiyozela isizini yeshumi elinethoba (19) yeNedbank Cup, inani aliyichazi indlela esikholelwa ngayo okokuba ibhola lelabantu yaye lingabantu,” utshilo uKhensani Nobanda oyiGroup Executive yeMarketing neCorporate Affairs kwaNedbank.

“Ibhola likwaquka abadlali abanxiba ezijezi ngebhongo, singabalibali abalandeli abanomfutho onika umdlalo ukuphefumla.
“Letumente yeyabantu okanye yeyomntu wonke, yiyo lento siyibiza ngokuba yiKe Yona, Ya Rona.”
Njengokuba letumente iqala kunyaka 2026 ukususela kwinyanga ezayo, EyoMdumba ukuya kuCanzibe, abakwaNedbank nePSL bazimisele ukudibanisa abalandeli kulomdlalo nalapho kubhiyozelwa inkcubeko yebhola laseMzantsi Afrika.
FUNDA NALAPHA: UNcikazi Uthi Akanguye Umngcatshi, Uncoma uOuaddou
Nedbank Cup Round of 32 Draw:
Stellenbosch FC v Kaizer Chiefs
Army Rockets v Casric Stars
Hungry Lions FC v University of Pretoria
Tshakuma Tsha Mazivhandila v Orlando Pirates
Durban City FC v Chippa United
Polokwane City v Amazulu FC
SSU M17 FC v Milford FC
To Be Confirmed (Western Cape) v Luthuli Brigades FC
FC Cardinals v JackSa Spears
Mkhambathi FC v Lerumo Lions FC
Upington City FC v Magesi FC
Highbury FC v Sekhukhune United
Lamontville Golden Arrows v Orbit College
Mamelodi Sundowns v Gomora United
TS Galaxy v Marumo Gallants
Siwelele FC v Richards Bay FC
