Kaizer Chiefs

‘Andizelanga Mali’ – Utsho UMiguel WeChiefs

Umdlali wangasemva uInacio Miguel ungxamele ukunxiba ijezi yeKaizer Chiefs ngempelaveki njengoba esithi akazelanga mali eNaturena.

 Lendedeba yaseAngola ithi ukuba yayifuna imali ngabe yakhetha amanye amaqela ebhola hayi ezinkunzi zaseSoweto.

UMiguel ulindeleke ukuba aqale umdlalo wabo neMarumo Gallants xa bevula isizini yeBetway Premiership ngomgqibelo.

EzikaNasreddine Nabi zityelela iGallants enekhaya elitsha eBhlomfanteni apho bejonga ukuyitshaya isaqhuma ngeenjongo zokubuyisa isidima sabo.

Amakhosi ajongene nesizini yeshumi engenandebe ntoleyo ingehli kamnandi kubalandeli beliqela lasePhefeni – kodwa uMiguel uthi uzimisele ukusebenza ngokuzinikela.

FUNDA NALAPHA: Uvuyo KuBroos NgoMbatha, Unethemba KweyeAFCON

Lomfo ungumdlali wokuqala ukudlalela iChiefs ophuma kwelaseAngola yaye uchaza ukuba yintoni ethe yamtsalela kwiChiefs.

“Ukuba bendifuna imali ngabe ndingezanga eMzantsi Afrika. Bendinawo amaqela ebendifuna kodwa ndakhetha iChiefs ngenxa yezizathu ezithile,” uyadiza uMiguel.

“Ndingabalula uMntla weAfrika kodwa andichazekanga ngawo.”

Ngaphandle kwalomdlali ophuma kwiPetro Luanda, iChiefs ithe yasayina abadlali abanje ngoGaston Sirino noFiacre Ntwari ukubalula nje abanye.

Ngaphantsi kukaNabi, lamadoda alindeleke ukudlala indima enkulu kweliqela njengokuba iqela lohlulekile ukungenela itumente yeMTN8 kwisizini egqithile.

“Lomsebenzi kwiChiefs undichazile kakhulu, yinto endinike umdla njengoba ndizimisele ukuhlala iminyaka apha,” uyongeza lomdlali.

“Liqela elikhulu eli yaye ndize ndisazi ukuba kufuneka ndidlale okanye ndiziphathe kanjani. Oko ndafika ndincokole nabaphathi, into endiyibonile kukuba kufuneka kusetyenziwe.

“Iminqweno yeliqela nezinto elifuna ukuziphumelela zizo ezinditsalileyo. Ukunxiba ijezi nombolo84 yindlela yokuhlonipha umakhulu wam ongasekhoyo.

FUNDA NALAPHA: UMcKenzie Ukhwela Ezehlela KwiSAFA noJordaan

“Yindlela endibonisa uthando kusapho lwam. UMakhulu wasweleka kumnyaka ophelileyo, nguye ondikhulisileyo.

“Xa ukhuliswa ngumakhulu yinto enkulu leyo, iChiefs indipethe njengelungu losapho, ndonwabile. Sesinye sezizathu ndilapha nje.

“Ukuba umqeqeshi uyandifaka emdlalweni wethu neGallants, ndizakwenza konke okusemandleni ndifake amanqaku siphumelele.”