Betway Premiership

UHlatshwayo Unovalo NgeChiefs Evuthayo

BETWAY PREMIERSHIP – UThulani Hlatshwayo ukhuphe isilumkiso kwiSuperSport United ngaphambi komdlalo neKaizer Chiefs ngomgqibelo.

IChiefs neSuperSport ziyaphinda emva kwendlu kwisithuba seveki kulandela umdlalo weCarling Knockout Cup kwiveki ephelile.

EzikaGavin Hunt zatywatyushwa ngamanqaku amane eqandeni kwibala iPeter Mokaba kodwa uTyson uthi kufuneka baqine.

FUNDA NALAPHA: UMngqithi Akachazeki Ngobuxelegu BeSundowns

Amatsatsantsa asePitori asavusisa emva kokubethwa lelinye laseSoweto, iOrlando Pirates ngamabini eqandeni kumdlalo weBetway Premiership ngolwesibini.

Xa sijonga lomdlalo namakhwenkwe kaNasreddine Nabi, uHlatshwayo uthi uyazi kwenzeka ntoni ePolokwane kodwa uthi abakwazi kulahla ithemba.

“Xa ujonga iziphumo zethu zakutshanje, uyabona ukuba kunzima kuthi njengokuba sidlale namaqela afana neChiefs nePirates kwisithuba seveki,” utsho lomdlali wangasaemva.

“Kwelinye ixesha kuyafuneka uyidlalile lemidlalo, ukuba siyaphumelela singathetha enye into. Kodwa ngenxa yesikwati sethu, asinawo amanani angamelana nalemidlalo.

Hlatshwayo

“Kufuneka sithabathe umdlalo njengokuba usiza. Sinomdlalo omkhulu neChiefs, sidlale nabo koweCarling – siyazi ukuba kwenzekentoni ePolokwane.

“Kulomdlalo kufuneka sibeyimbumba yaye siqine.”

FUNDA NALAPHA: EZINGENAYO: IPSL Idiza Imihla YeCarling Knockout

Kusenjalo, uHunt angahle adlalise umdlali waseqabangeni osuka kwiMamelodi Sundowns uAbubeker Nassir othe wajoyina eliqela kuleveki.

Eqhuba ngomdlalo nezaseNaturena, uHlatshwayo kwakufuneka bafake amanqaku ngomgqibelo kodwa ukohluleka kwabo kwenza ubomi bubenzima.

“Okokuba sasithabathe amathuba wethu kulamdlalo neChiefs ngabe saphumelela. Siliqela elithatha umdlalo liwuzise kuwe,” uyaqhuba uHlatshwayo.

“IChiefs liqela elinazo izinto ezintle neempazamo ngokunjalo. Umqeqeshi wethu uthethile ngezo zinto, esithi xa sibona iizikhewu sizisebenzise singaphindi iimpazamo nokwenzeka ePolokwane.

“Ndiyafuna ukutsho ukuba ngumdlalo ozakutakisa iintlantsi lona. Sabethwa ngamanqaku amane kodwa siyazi ukuba sasiwavalele amathuba wethu, ngabe kuthethwa enye into ngoku.”