
Ilishwa KwiDurban City Kusweleka Umdlali
MOTSEPE FOUNDATION – iDurban City ingaphantsi kwelifu elimnyama emva kokulahlekelwa ngumdlali uSinamandla Zondi.
Lomdlali usweleke ngethuba eliuqela elidala kwiMotsepe Foundation Championship ngolwesibini bedlala neMilford FC.
Nangona eliqela lingadizanga iinkcukacha ezininzi ngesisiganeko, iindaba zidiza ukuba uZondi uqulekile kumdlalo neMilford kwibala iChatsworth.
Amajelo eendaba aveza okokuba lomdlali ungxanyiselwe esibhedlele kodwa waphulukana nobomi bakhe.
FUNDA NALAPHA: ‘Ndiyithandazele iChiefs Ibethe ISundowns’ – Utsho UKhumalo
Lomdlalo ububalulekile kweliqela laseThekwini njengokuba befuna ukuzibekela indawo kwiBetway Premiership kwisizini ezayo – kodwa iCity ibingaphantsi ngenqaku elinye.

Eliqela lalisakwaziwa njengeMaritzburg United, lathi lathotywa ukusuka kwiBetway Premiership ngesizini ka2024/25 – kungoku nje lihleli phezulu eligini ngamanqaku ali46.
“Sibuhlungu ukudiza iindaba zokuba uSinamandla Zondi usishiyile emhlabeni. Lomdlali ebesaziwa ngelikaSgora, ebelilungu losapho kwiDurban City,” itshilo iCity.
FUNDA NALAPHA: Uvuyo KuCardoso Encoma Abadlali BeDawana
“USinamandla ebengenguye nje umdlali kodwa umlingani, umhlobo, ubhuti nonyana yaye ebenika inkuthazo kubo bonke abamaziyo.
“Iingcinga zethu zikusapho lwakhe yaye sinqwenela ukugqithisa amazi okuxolisa usapho lwakhe nakuye wonke umntu ochaphazeleke yile lahleko ebuhlungu kangakanana.”
