Betway Premiership

Ukhala KwabePSL UNabi Emva KoweMagesi

BETWAY PREMIERSHIP – Uyakhala umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi ememezela abaphathi bePSL ukuba bakhawulezise ngeVAR.

Esi sikhalo silandela umdlalo weChiefs neMagesi FC nalapho lamaqela edlale ngokulingana ngamabini macala ngolwesithathu ebusuku.

UNabi uthi Amakhosi bekufanele afumane ipenalti njengokuba ekholelwa ukuba uWandile Duba uthe wadlaliswa kakubi ebhokisini.

FUNDA NALAPHA: UKopo Utyhola Usompempe Ngobuhlanga

Nangona ezikaClinton Larsen zivalele amanqaku wazo kwangethuba, uMduduzi Shabalala usindise iChiefs efaka amanqaku amabini ePolokwane.

“Kucacile ukuba siphoxekile ngeziphumo zalomdlalo kodwa kufuneka sithethe ngamagosa okanye oosompempe,” uNabi uxelele abakwaSuperSport TV.

Chiefs

“Sikholelwa ukuba lifikile ithuba lokuba sifake iVAR, iPSL mayiyizise kuleligi entle kangaka. Sikholelwa ukuba bekufanele sifumane ipenalti kuDuba.

“Wonke umntu uzakuyibona imifanekiso. Inqaku lesibini abalifakile, bokufanele sifumane ifree-kick kodwa yanikwa bona – lonto yabanika inqaku lesibini.

“Asifuni kufaka uxinzelelo ebantwini, siyazi ukuba oosompempe ngabantu nabo yaye bayazenza iimpazamo.

FUNDA NALAPHA: ULarsen Wamkela IChiefs Enethemba Elikhulu

“Kodwa sibongoza wonke umntu nabaphathi bePSL kuleligi yethu ukuba bayizise iVAR – izikuncedisana noosompempe.

“Nditsho kanje ngokuba lonke ixesha sibona ingathi siyachaneka ngalo lonke ixesha.”

Emva kwalomdlalo, Amakhosi ahleli kwindawo yesibhozo kwitafile yeligi benamanqaku asibhozo, abatshakazi bona bathe chu kwindawo yeshumi elinanye ngamanqaku asithandathu.

Kusenjalo, ezaseNaturena zizakujongana neMamelodi Sundowns kumdlalo wazo olandelayo kwitumente yeCarling Knockout Cup ngomgqibelo kwibala iFNB.