Bafana Bafana

HUNTSHU: IBafana Ingenile KweyeAFCON

BAFANA: Iqela likaHugo Broos iBafana Bafana ingenile kwitumente yeCAF AFCON ezakubanjelwa eMorocco.

Ngaphandle kokukhaba ibhola, iBafana ikwazile ukuzibekela indawo kuletumente yelizwekazi iAfrika ngenxa yeziphumo zeminye imidlalo.

Iqela likaBroos lizilungiselela ukuqubisana neUganda kumdlalo ongaphambi kowokugqibela eKampala – umdlalo ungolwesihlanu emva kwemini.

Nangona kunjalo, eliqela lizbone linendawo kwiAFCON emva kokuba iSouth Sudan ithe yaquthisa elaseCongo-Brazzaville ngolwesine ngamanqaku amathathu kwamabini.

FUNDA NALAPHA: UBroos Akaxolanga Ngesibini SeSundowns

Ezintshatsheli zaseAfrika zango1996 ziya kuletumente okwesibini izihlandlo zilandelana emva kokuphumelela imbasa yethusi ekuqaleni kwalo umiyo.

Njengokuba iCongo ibethiwe eJuba nje, bazakuphelela kumanqaku asixhenxe etafileni xa kuphela imidlalo, lonto ithi iBafana ingaphezulu ngelinye.

Kodwa ke, uBroos uyafuna ukuyiphumelela yomibini imidlalo eshiyekileyo ukuze afumane indawo yokuqala.

“Sifuna ukuwuphumelela lomdlalo ukuze sibambe indawo yokuqala. Lonto ithi kufuneka siyibethe iUganda. Ukufumana indawo kwiAFCON akuyiguquli lonto, utshilo uBroos.

FUNDA NALAPHA: UBroos Uyagxekwa Ngokuhlomla NgoMngqithi

Kusenjalo imiyalezo iyaphokoka iphuma kubalandeli nabaxhasi beliqela ukanti nomongameli weSAFA uthe uyavuyisana neliqela.

“Sivuyisana nomqeqeshi uHugo Broos nabancedisi bakhe kunye naye wonke umntu osebenza neliqela,” utsho uDanny Jordaan.

“Yimpumelelo enkulu kuthi le njengokuba besiya kwiAFCON ngonyaka omnye apho bathi baphumelela imbasa yethusi.”

IBafana izakujongana neeCranes eMandela National Stadium eKampala ngolwesihlanu ngaphambi kokudibana neSouth Sudan kwibala laseKapa iDHL Stadium ngolwesibini.