Bafana Bafana

IBAFANA IBHENGEZE IBALA BEZAKUDLALA NEPANAMA

BAFANA: Umbutho iSAFA, ibhengeze ukuba umdlalo wobuhlobo weBafana Bafana nePanama uzakusingathwa eKapa naseThekwini.

Ngokwengxelo edizwe nguSAFA ngolwesithathu, iBafana iqala amalungiselelo okuya kwindebe yehlabathi kulonyaka.

Iqela likaHugo Broos lizakudlala kwinyanga ezayo eMoses Mabhida Stadium ngomhla ka27 kulandele omnye eDHL Stadium eKapa ngomhla ka31.

Eliqela lizakuthabatha inxaxheba kwindebe yomhlaba ezakusingathwa yiMelika, Canada kunye nelizwe laseMexico.

FUNDA NALAPHA: Ushiyeke Ekhala OwePirates Bebhaxabulwa YiSundowns

UBroos kulindeleke ukuba adibanise iqela lakhe emva kokubethwa yiCameroon kwitumente yeAFCON eMorocco kutshanje.

FUNDA NALAPHA: Khumalo: Kutheni UMzansi Udinga ISundowns

“Ibala iMoses Mabhida kunye neDHL Cape Town Stadium ngawo azakusingatha iBafana kumdlalo wobuzwe nePanama kwinyanga ezayo,” itshilo iSAFA.

“Lemidlalo izakunceda umqeqeshi uHugo Broos okokuba alungise iqela lakhe elisingise kwindebe yomhlaba kweYesilimela ukuya kweyeKhala ku2026.

 “Eliqela libuyela eThekwini emva kokudlala ngokulingana neZimbabwe kowokuzibekela indawo kwindebe yomhlaba kwinyanga kweyeDwarha nyakenye.

“Amatikiti alemidlalo nelizwe lasePanama azakuqala kwimali engange R80 ebantwini abadala ukanti kube yiR50 ebantwaneni abangaphantsi kwimanyaka elishumi elinesibini.

“Amatikiti azakufumaneka ngolwesine umhla ka26 kule imiyo.”