
OwePirates uChaine Uchaza Uxanduva Lwakhe Kwezimnyama
Ethetha ngendima noxanduva lwakhe kwiqela iOrlando Pirates, unozinti uSipho Chaine uthi unomsebenzi omkhulu emva kokuhamba kukaRichard Ofori.
UChaine ulindeleke ukuba azenzele udumo kwezimnyama kulesizini yaye abengunozinti ophambili kanye nje emva kokukhululwa kukaOfori noSiyabonga Mpontshane.
Nangona uMpontshane, owayesakuba ngunozinti wePlatinum Stars, ethe wabhengezwa njengenxalenye yabaqeqeshi, lomfo waseGhana uOfori yena uzishiyile ezikaJose Riveiro.
Ethetha nephephandaba iDiski Times, uChaine uthi akadingi kukhunjuzwa emva kokuhamba kwabagcini zipali abanamava njengoOfori noMpontshane.
UChaine nguye onamava ngoku kwiintshatsheli zeMTN8 nalapho engaphambili kukaMelusi Buthelezi noSphamandla Gumede.
Lonozinti oneminyaka enama27, sele edlale imidlalo engama51 kwezimnyama ngenkani nalapho ethe wavala amanqaku ayi18 kodwa kwangena 38 kwiipali zakhe.
“Ndicinga ukuba njengomdlali webhola ekhatywayo okanye kum, akekho umntu endilindele ukuba andixelele ngoxanduva endijongene nalo,” utsho uChaine.
“Indawo esisbenza kuyo ichaza ngokucacileyo ukuba ndinomsebenzi wokugqithisa ulwazi namava. Ebomini ke andizibeki phambili.
“Zikhona izinto onganceda ngazo abanye abantu lonto yenze ukuba bahlale bekukhumbula ubomi babo bonke.”
Ngenza yesimo sezulu esibi eKapa, umdlalo wePirates neCape Town City weMTN8 uthe warhoxiswa ngokuhlwa kwangolwesibini.
IPSL ithe yadiza ukuba lomdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli uzakuqhubela phambili ngolwesithathu ngenstimbi yesithandathu eDHL Stadium – uChaine ulindeleke ukuba adlale indima enkulu kuwo.
Eqhubeka, lomfo okhe wadlalela iChippa United, Bloemfontein Celtic neRoyal AM uthi uhleli engumntu owaziyo ukunceda nokukhokela abanye abadlali.
“Oko ndihleli ndingumntu onceda abanye abadlali ikakhulu abancinci nabangaphantsi kunam,” wongeze watsho uChaine.
“Indawo endikuyo ichaZa ukuba kubalulekile ukukhulisa abanye abadlali. Indima yam kwiPirates kukuba ndibancede bafikelele kwizinga eliphezulu.
“Ndiyazi oonozinti endidlala nabo bancinci kunam, abanye badlalile kwiABC Motsepe League nakwiNFD. Ngoko ke ezozigaba zohlukile kwesi sePSL yaye neqela eli sidlalela lona iPirates likhulu kakhulu.
“Balindeleke ukuba basebenze nzima nangokuzinikela kunangaphambili.”
Kusenjalo, uRiveiro nezakhe kulindeleke ukuba basingathe ezikaEric Tinkler kumlenze wesibini weWafa Wafa eOrlando Stadium emva kwemini ngomgqibelo.
