
“Soze Ndibaphoxe” Utsho UMofokeng WePirates
NEDBANK CUP – Umdlali weOrlando Pirates uRelebohile Mofokeng uthi akakwazi kubaphoxa abalandeli bakhe ngaphambi komdwalo wendebe.
IPirates yamkela iBaroka FC kumdlalo weKe Yona emva kwemini ngomgqibelo yaye elityendyana lithi lizmisele ukubuya nodumo.
UMofokeng usandula kuvotelwa njengomdlali ovelele nalapho ephiwe imoto yohlobo lwakwaVolksWagen Polo emva kokuqhuba kakuhle ngo2024.
Kwingxelo edizwe yiDiski Times, ‘Inkosi yama2000’ ithi ivuyela ukutyunjwa ngabalandeli bebhola nabezemidlalo ephumelela iwonga leGauteng Sports Personality.
FUNDA NALAPHA: UNabi Unomyalezo Kubalandeli BeChiefs
Lomdlali weziMnyama Ngenkani oneminyaka engama20 uzibonakalisile ngaphantsi kukaJose Riveiro yaye unethemba lokwenza ngcono nakwiqela lesizwe iBafana Bafana.
“Ndivuyela ukubulela wonke umntu ondivotele. Ndicinga ukuba ndiqhube kakuhle kunyaka ophelile. Ndizimisele ukuqhubeka ndenze njalo,” utshilo uMofokeng.
“Ndiyabakhuthaza nabanye abansebancinci ukuba basebenze nzima. Andithandi ukuba bophuke umoya ngenxa yezinto ezincinci.
FUNDA NALAPHA: Unconywa Ngesimilo Nangokukhula OwePirates
“Kuhle ukusebenza nzima ukuze baphumelele. Iminyaka ayithethi nto ngokuba baninzi abantu abafikelele kwisigaba sePSL beneminyaka engama26.
“Mna ndithi mabasebenze nzima bade bafezekise amaphupha bazuze abakufunayo.”
