
Ikhankatha LePirates Lifuna Igazi LeRichards Bay
IOrlando Pirates igxeleshe amanqaku aphelele xa ityelela iRichards Bay FC kwiBetway Premiership ngecawa, litsho ikhankatha uJose Riveiro.
Ezimnyama Ngenkani ziphuma kwimpumelelo apho zitywatyushe iPolokwane City ngo3-0 kwibala labo eSoweto ngolwesibini.
Nangona benomoya ophezulu njengokuba behleli kwindawo yesibini kwitafile yeligi, uRiveiro uthi akafuni ezakhe zizithembe kakhulu.
Ngaphambi kohambo lwabo olusingise kwezikaBrandon Truter eThekwini, umqeqeshi uthi kufuneka babenesimilo balambele impumelelo.
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Ngobungozi Besithathu SeChiefs
Eliqela iNatal Rich Boyz lelinye lamaqela athi anika iPirates ubunzima xa ukhumbula iziphumo zesizini ephelile.
Ngaphantsi kukaRiveiro, ezinkunzi zaseSoweto zadllala ngokulingana ekuhambeni kodwa zabethwa ekhaya kweyeligi.

“Sesidlale imidalo emibini kulesizini, kodwa sonwabile ngokuqokelela amanqaku aphelele okwangoku,” utshilo uRiveiro.
“Kusenjalo, amehlo ethu aseThekwini kwiRichards Bay. Ungandilungisa xa ndiphazama kodwa ndicinga ukuba basibetha kwakabini.
“Sadlala ntanganye kweyeligi eThekwini, sabethwa ekhaya eOrlando kulesizini ephelile. Komnye umdlalo basibetha koweCarling Knockout Cup.
“Lonto ichaza ukuba lomdlalo awukholula. Ngumdlalo onzima kakhulu lona.”
Ethetha ngabadlali bakhe abafakwe kwiqela lesizwe iBafana Bafana abafana noThabiso Sesane, Sipho Chaine, Nkosinathi Sibisi, Thalente Mbatha, Patrick Maswanganyi, Tshegofatsa Mabasa, no Relebohile Mofokeng, unovuyo lomfo waseSpain.
Nangona kufuneka asichebe isikwati sakhe, uHugo Broos utyumbe aba badlali bePirates kumalungiselelo womdlalo weCAF African Cup of Nations neCongo-Brazzaville kwinyanga ezayo.
FUNDA NALAPHA: ‘Akufuneki Siphanyaze KwiSundowns’ Utsho uMiguel
“Kuhle xa sibona abadlali bethu bengena kwiBafana okanye nokuba kukweliphii na ilizwe. Kodwa ke masithethe ngeBafana ngoku,” uchazile uRiveiro.
“Andikwazanga ukulijonga eliqela lesizwe ngenxa yokuxakeka kodwa ndivuyisana nabadlali
“Ndicinga ukuba umqeqeshi uHugo kudala ewajongile lamakhwenkwe.
“Siyavuya xa kunjalo ngoba bayazibonakalisa ebaleni, umdlalo wabo mhle yaye bakulungele ukungena kwelesizwe.
“Yinto esivisa kamnandi leyo njengeqela lePirates, ndiyathemba nekamva liqaqambile yaye singabona abanye abaninzi besenza njalo.”
