
‘Andinanxa NeSuperSport’: Utsho Owalaxazwa YiChiefs
Umdlali owalaxazwa yiKaizer Chiefs uKeagan Dolly uthi akananxa neSuperSport United njengokuba esazingela iqela elitsha.
UDolly uzibhaqe engenaqela emva kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe neliqela laseNaturena.
Lomfo ozalelwa eWestbury eRhawutini uthi uyavisisa ukuba kutheni engafumananga kontraka kwezikaGavin Hunt.
Amatsatsantsa AsePitori abhengeze owayesakudlala kwiOrlando Pirates neBidvest Wits uVincent Pule nodlala ngenxele.
Nangona uDolly ebesecicini lokujoyina iSuperSport, uzifumana eqhubeka nokukhangela iqela oko wathi washiya eNaturena ekupheleni kukaJuni.
“Okokuqala iSuperSport yayifuna ukuqinisekisa ukuba andinawo umonzakalo bandithumela koogqirha kodwa ingxelo ibuye intle,” utsho uDolly.
“Ugqirha wayevuyile kodwa ke basayina uVincent Pule. Umqeqeshi uGavin Hunt unamava yaye wakhe wasebenza noPule ngaphambili.

“Wayicacisa ukuba kutheni efune yena. Andinanxa nalonto kuba yinxalenye yebhola leyo. Kwelinye ixesha uyalifumana iqela nomqeqeshi ofuna ukusebenza nawe.
“Ndaphoxeka yaye ndandijonge ukufumana indawo ngokuba kuleminyaka yam, ndisafuna indawo apho ndingonwabela ibhola yam.”
UDolly owazenzela udumo kwiMamelodi Sundowns ngaphambi kokuntingela phesheya ukuyodlala kwiMontpellier eFransi, wanyaniswa namaZulu kwezakutshanje.
“Ndingadlala naphi na ukuba ithuba elihle liyavela. Ndisenomnqweno nokuphumelela njengomdlali,” uyatsho uDolly.
“Ndisafuna ukuphakamisa iindebe and ndilwe njengomdlali. Okwangoku, ndingatsho ndithi akhona amaqela esincokola nawo.
“Amanye ngawalapha naphesheya kodwa ngenxa yomonzakalo kulesizini ephelile neminyaka yam engama31, kunzima ukufumana iqela eMzantsi Afrika.”
