
Ezintsha Eziphuma eNaturena NgoTau NoMayele
Umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi ukhuphe iindaba ezintsha ngabadlali ababini nabayanyaniswa naMakhosi.
UNabi udiza ukuba iingxoxo azihambeli phambili ngoPercy Tau noFiston Mayele – yaye ke azikho. Esisibini siyaqhuba ukuba sezindabeni ngekamva labo.
Iindaba kweziveki ezigqithileyo zidize ukuba uTau ujongwe ngabomvu eNaturena njengokuba uNabi ezimisele ukuqinisa iChiefs.
Kusenjalo, omnye umdlali wePyramids eYiphutha uMayele naye uyabalwa kubadlali abafunwa ngaMakhosi kodwa lomqeqeshi wase Tunisia uyazibhebhetha ezongxelo.
Nanjengokuba uTau engumdlali ofuna ukuqhawula umtshato nelaseCairo iAl Ahly ntoleyo ivuselele ithemba kubalandeli nabathandi beChiefs, ithemba liyatshabalala kuMakhosi.
Ethetha nejelo leendaba iOn Time Sports, uNabi uthi azikho iingxoxo noTau kunye noMayele ngokuba basaqeshiwe yiAhly nePyramids.
“Azikho iingxoxo phakathi kwethu noTau ngoba sikholelwa ekubeni unonyaka oshiyekileyo kwisivumelwano sakhe neAl Ahly,” uNabi uxelela iOn Time Sports.
“IKaizer Chiefs iyayihlonipha imithetho yeFIFA. Ukuba kunethuba lokumsayina, lonto ingenzeka ngokulandela imithetho yeFIFA. Siyayihlonipha iAl Ahly, baliqela elihle.”
Lomqeqeshi ozimisele ukuqala umsebenzi wakhe ngezinga eliphezulu eNaturena uziphikile iingxelo ezithi bangene kwingxoxo noMayele.
UMayele ngomnye wabadlali ababesebenza noNabi kwiYoung Africans yaseTanzania kwiisizini ezimbalwa ezigqithileyo.
Nangona kunjalo, kuyacaca ukuba amathemba amfiliba ukuba abalandeli beChiefs bangabona esisibini eNaturena ngokwengxelo okanye amazwi alomqeqeshi.
“Imeko kaMayele iyafana nale kaTau. Uyafana nelunga losapho kum,” uyongeza lomqeqeshi.
“Sasisebenza kakuhle naye kwiYoung Africans kodwa naye unesivumelwano nePyramids yaye akekho emarikeni.
“Siyayihlonipha lonto ngaphezu koko, asinazo iingxoxo naye.”
Sisahleli kwinkampu yeChiefs, Amakhosi sele esayine abadlali abafana no-Fiacre Ntwari, Bongani Sam, Rushwin Dortley, Gaston Sirino no-Inacio Miguel, kodwa kuyavakala ukuba lomqeqeshi usazingela abanye abadlali.
Nanjengokuba isizini yokurhwebelana ngabadlali ilindeleke ukuba ivale ngomhla ka20 kwinyanga ezayo, uNabi unethemba lokuba angaliqinisa iqela lakhe.
Amakhosi alindeleke ukuvula isizini yawo ye2024/25 Betway Premiership neMarumo Gallants ngomhla ka14 kwezayo eFree State Stadium.
