
UHugo Broos Uncoma IChiefs Ngokutyumba UNabi
Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uncome watyibela iKaizer Chiefs ngokutyumba uNasreddine Nabi njengomqeqeshi wabo omtsha.
Lomfo waseBelgium ubona ukuba uNabi uzakulinceda eliqela laseNaturena njengoko likhangela impumelelo.
IChiefs sele izakugqiba iminyaka elishumi ingenampumelelo xa sithetha ngeendebe yaye lomanejala waseTunisia kulindeleke ukuba abuyise udumo kwezinkunzi zaseSoweto.
Emva kokuba ebhengeze iqela lakhe leBafana elizakuqubisana neUganda neSouth Sudan kweyoMsintsi phezolo, uBroos uthe ibhola yaseMzantsi Afrika izakuzuza lukhulu kuNabi.
Unabi, 59, wazakhela udumo emva kokukhokela iqela iYoung Africans kwiindebe zeligi iisizini zilandelana, eka2021/22 neka 2022/23.
Nanjengokuba iBafana ilindeleke ukuba iqhube kakuhle kulemidlalo yokuzibekela indawo kwitumente yeCAF African Cup of Nations, uBroos utyumbe uRushwin Dortley yedwa kweliqela laMakhosi.

“Ndithethile noNabi, ukubuya kwam eBelgium, bendingazi ukuba uhlala kwisakhiwo esinye nam,” utsho uBroos.
“Kukhona umntu osebenza neChiefs oweza kum wathi umqeqeshi uNabi ufuna ukuncokola nam. Ndandizihlalele ndonwabele ikofu yam.
“Sancokola yaye ungumqeqeshi osezingeni eliphezulu. Ndicinga ukuba kuhle ukubona iChiefs isayina abadlali abaphambili.
“Umthetho wakhe ucinga njengomqeqeshi waseYurophu. Ufuna ukwenza lento ayifunayo. Akukho lula ukuqeqesha iChiefs yaye ukufumana into ayifunayo kungamnceda kwiChiefs.
“Akukho lula xa ungumqeqeshi waseMzantsi Afrika ukwenza njalo. Ndiyathemba yaye ndatsho ukuba akukho kuhle ukubona iChiefs ihleli kwindawo yesixhenxe eligini yethu.”
UBroos uqhubeke wathi kubalulekile ukuba iChiefs ibuyise isidima sayo ilwele iindebe kulesizini yeBetway Premiership ezakuqala kungentsuku zatywala.
EzaseNaturena zilindeleke ukuvula isizini neMarumo Gallants eBlomfanteni ngomhla ka14 kwezayo nalapho abalandeli benethemba lokuwuphumelela lomdlalo.
“Ndicinga ukuba iChiefs ingabuyela ezingeni eliphezulu balwe neMamelodi Sundowns kunye neOrlando Pirates okanye neSuperSport United neStellenbosch,” wongezile uBroos.
“Kungangcono sibenamaqela amahlanu alwela iindebe eMzantsi Afrika.
“Ukubona iChiefs ibuyela kwindawo ephezulu kungabakuhle kwibhola yethu eMzantsi Afrika, akukho mnandi ukubona iqela elinye lizenzela okanye lilawula.”
