
UMngqithi Udanile ISundowns Iquthiswa SiStellenbosch
UManqoba Mngqithi uthi akonwabanga njengoba bekhutshwe siStellebosch FC koweMTN8 eMoses Mabhida Stadium ngecawa.
Lomqeqeshi ebelindele ukufikelela kowamagqibela kankqoyi emva kokubethwa ngenqaku elinye eqandeni kumlenze wokuqala.
Kulo wesibini, iSundowns ibikhangela impumelelo kodwa iinzame zabo ziwe phantsi njengoba bequthiswe ngamanqaku amabini eqandeni xa sidibanisa nomlenze wokuqala.
Ephawula ngalomdlalo emva kokubethwa zezikaSteve Barker, zona ke zizakudibana neOrlando Pirates ejonge ukukhusela isitshaba sayo, uMngqithi uvakalise udano.
FUNDA NALAPHA: UTau Uyazibhebhetha EzeChiefs NeSundowns
Nangona bengaphumelelanga nje, uMngqithi uncome watyibela abadlali bangasemva esithi badlale kakuhle yaye uthe iphucukile indlela abadlale ngayo.
“Ngokwenyaniso, indlela abadlale ngayo nabavale ngayo emva ibancedile,” utshilo uMngqithi emva komdlalo.
“Kodwa andicingi ukuba bakwazile ukuthabatha amathuba wabo. Ndicinga ukuba abadlali bethu bangasemva badlale kakuhle kakhulu.
“Andiqondi kodwa ukuba sithabathe izigqibo ezizizo. Ndicinga ukuba umdlalo wethu ubumhle yaye uphucukile xa sijonga umdlalo ogqithileyo.”
Kusenjalo, lomqeqeshi wezaseChloorkop uthi akanaxhala ngendlela ezidlala ngayo ezakhe ngaphambi kokuqala kweBetway Premiership kwiveki ezayo.
“Andinaxhala okwangoku, into endenza ndivuye kukuba eliqela besililungisa alikadibani ngalendlela esiyifunayo,” wongezile uMngqithi.

“Kubuhlungu ukuyibona lonto kodwa yinyaniso. Siyasokola ngabadlali bethu abaqhele ukudlala kodwa umdlali onje ngoKobamelo Kodisang wenze ngcono kakhulu.
“Ndicinga ukuba noLebohang Maboe wenze ngcono naye ndingamlibali uThapelo Morena. ULucas Ribeiro naye uzamile ukwenza umahluko noTeboho Mokoena wenze ngcono embindini webala.
“Sibenelishwa ngokulahlekelwa nangokungakwazi ukudala amathuba.”
ISundowns izakuthi ijonge umdlalo wayo olandelayo, nalapho izakuqubisana neMbabane Swallows kwitumente yeCAF Champions League ngomhla ka14 kule imiyo.
FUNDA NALAPHA: Kumuncu KuRulani Evula Ngesibhaxu KwiWydad
