
‘ISundowns Kufuneka Iyihloniphe iChiefs’ – Mngqithi
Ngaphambi kotyelelo lwabo kwibala iFNB ngomgqibelo, umqeqeshi weMamelodi Sundowns ulumkisa ezakhe ngokudelela Amakhosi.
ISundowns iqhuba kakuhle ngaphantsi kwesandla sikaMngqithi njengokuba seyiphumelele imidlalo emibini yeBetway Premiership.
Ngaphandle kwemidlalo emibini bequbisana neSuperSport United kunye neMarumo Gallants, ezikaMngqithi zitywatyushe iMbabane Swallows ngo8-0 kwimidlalo emibini yeCAF Champions League.
Njengokuba benamanqaku angama14 kwimidlalo emine kwiitumente zonke, uMngqithi uthi uyayihlonipha iChiefs eqeqeshwa nguNasreddine Nabi.
FUNDA NALAPHA: UNabi: IChiefs Iwulungele Umlo NoSuthu
Ezi nkunzi zePSL zizakudibana koweligi ngomgqibelo kodwa lomqeqeshi uthi ezakhe kufuneka zisebenze ngokuzinikela.
Ethetha emva kokudlala nezikaDan Malesela bephumelela ngo4-1 ngolwesibini, uMngqithi uthi unethemba lokuba bangaqhubeka bafake amanqaku.
“Kuhlala kunzima ukuthetha ngeziphumo zomdlalo wethu neChiefs, ngumnqweno wethu ukubona iqela lifaka amanqaku,” utshilo uMngqithi.
“Ndinomnqweno wokubona sidala amathuba okufaka amnqaku. Kodwa ke, ndiyitsho lonto ngentlonipho enkulu kwiqela iKaizer Chiefs.

“Asikwazi ukuya kulomdlalo ngengqondo yokuba sinelungelo lokuzuza iziphumo ezihle okanye sinelungelo lokufumana amanqaku – iChiefs idlala kakuhle.
“Liqela elikhulu eli kwibhola yaseMzantsi Afrika. Kusafuneka sibanike intlonipho ebafaneleyo.
“Kodwa ke sizimisele ukwenza konke okusemandleni wethu, senze ngcono sibone ukuba sifumana ntoni kulomdlalo.
“Ndinethemba lokuba ooThixo bebhola babenathi sikwazi ukufaka amanqaku.”
Lomqeqeshi owazakhela udumo kwiGolden Arrows uvuyela ukuba ezakhe zinethuba elaneleyo lokuzilolonga.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Akawuvali NgeJoni Lakhe uMakgopa
Utsho kanje ngokuba ezikaNabi zisendleleni ebhekise eThekwini ziyokudibana neAmaZulu FC ngolwesithathu ebusuku.
Kusenjalo, uMngqithi ulangezelela ukubona iChiefs iqhuba kakuhle njengokuba iOrlando Pirates ivutha amalangabi.
“Kuhle ukubona omathathu amaqela alapha eMzantsi Afrika eqhuba kakuhle – intle lonto kwibhola yethu,” uyaqhuba uMngqithi.
“Lento ichaza ukuba amathuba wesizwe ayakhula xa sifuna ukuqhuba kakuhle kwiitumente zelizwekazi iAfrika.
“Ndiyavuya xa kunjalo ngokuba yinto entle leyo kwibhola yethu.”
