
Uxinzelelo KwiAmaZulu Kodwa Awayoyiki IPirates
BETWAY PREMIERSHIP – Abadlali beAmaZulu FC bathi abayoyiki iOrlando Pirates nangona bengaphantsi koxinzelelo, utsho uPule Ekstein.
Umdlali wangasemva uThembela Sikhakhane nomdlali waseiswini uEkstein bathi bawulungele lomdlalo eSoweto ngolwesihlanu.
Ngaphantsi kwabaqeqeshi uVusimuzi Vilakazi noArthur Zwane, Usuthu lusakhangela impumelelo yawo yokuqala kwiBetway Premiership.
Bephuma kumdlalo weCarling Knockout Cup apho babethwa yiStellenbosch kwiveki ephelile, AmaZulu afuna ukugqebha iPirates elingophiyo.
FUNDA NALAPHA: UHlatshwayo Unovalo NgeChiefs Evuthayo
Xa sijonga ezikaMagebhula, uJose Riveiro nezakhe abayazi induku oko kuqale isizini yeligi nalapho bephumelele emine ukuzakuthi ga ngoku.
Kusenjalo, zinokuzithemba ezimnyama emva kwempumelelo kwiSuperSport United phakathi evekini kodwa uSikhakhane uthi uvalo phantsi.
“Siwulungele umdlao nePirates. Imeko esizifumana sikuyo ngoku ayintle kwaphela, lilonke kufuneka silwe ngamandla sikwazi ukufumana amanqaku amathathu,” utsho uSikhakhane.
“Ukuba sifuna ukuphuma kulemeko, kunyanzelekile silwele amanqaku aphelele. Kunzima ukubasemsileni kwitafile yeligi.
“Kodwa ke ndinethemba lokuba sizakuyibetha iPirates. Singabadlali sizimisele ukulwa ikakhulu njengokuba sinabaqeqeshi abatsha.”
Engqina amazwi kaSikhakhane owakhe wadlalela iPirates, uEkestein uthi ulindele umdlalo onzima kakhulu eSoweto ngecala emva kwenstimbi yesixhenxe.
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Akachazeki Ngobuxelegu BeSundowns
“Akuzubalula eOrlando. iPirates iqhuba kakuhle ekhaya yaye siyabahlonipha. Ekugqibeleni kuzakudibana abadlali abalishumi elinanye macala,” utsho uEkstein.
“Lonto ichaza mhlophe ukuba sinalo ithuba lokuphumelela lomdlalo. Ndicinga ukuba singadlala ngalandlela esaqhuba ngayo neStellenbosch, singawuphumelela lomdlalo.
“Asikaphumeleli kwiligi, lonto iyasikhuthaza yaye sifuna ukuyibetha iPirates – ingasikhuthaza kakhulu lonto.”
