Bafana Bafana

Tau: uBroos Uchaza Ngefolosi Engekho KwiBafana

Ifolosi yeBafana Bafana uPercy Tau ngomnye wabadlali abangekho kwiqela lesizwe lakutshanje yaye umqeqeshi uHugo Broos uyachaza.

UTau usazingela ikhaya elitsha emva kweendaba ezithe ndii ukuba ufuna ukuqhawula umtshato neAl Ahly yaseYiphutha.

Lomfo owayesakudlalela iMamelodi Sundowns, uTau akafakwanga kwiqela leBafana elizakudlala neUganda neSouth Sudan kweyoMsintsi.

Echaza izizathu zoku, uBroos uthi bokungelula ukumshiya uTau kodwa ngenxa kokuzifumana phantsi koxinzelelo, ucinge ukuba angamfaki.

Lenzalelwane yaseWitbank izifumane igxekwa ngabalandeli kumakhasi onxibelelwano ntoleyo eyenze yehle ifomu yakhe.

FUNDA NALAPHA: Bafana: UBroos Ukhala Ngokapteni Owonzakele

“uPercy Tau, bokungelula ukumshiya ngaphandle. Bokunzima ukuthatha esisigqibo,” utshilo uBroos.

“Kodwa ke bendicinge izinto ezimbini. Okokuqala, uPercy ugxekiwe ngabalandeli beBafana.

“Bendizama ukumkhusela ngokumshiya ngaphandle kweliqela. Yindlela endicinga ukuba ndimxhasa ngayo le kumdlalo wethu neAlgeria.

“Ndiyathemba wazibonela emva komdlalo neNigeria, wayengabonakali. Ngoko ke ndicinga ukuba abamthandi okwangoku yaye balindele lukhulu kuye.

Percy Tau

“Ndithethile naye wathi, ‘kulungile lento iyenzeka emidlalweni’. Nam ndavuma kodwa umntu othi ayimchaphazeli lento uzakube uyaphosisa.

“Ndiyazi iyamchaphazela ngokuba uyalithanda ilizwe lakho, ufuna ukudlala kodwa uthando awulufumani kubalandeli.

“Okwesibini, imeko yakhe neAhly ayikacaci okwangoku. Kunamahem-hem athi angashiya okanye angahlala.

“Kunengxaki nesivumelwano semali njengokuba efuna ukuhamba kwaye akafuni kudlala.

“Ekuqaleni kwalenyanga (eyeThupha), wadlala imizuzu eli17, kuyo yonke eminye imidlalo wayengadali engekho nasebhentshini.

“Lomeko ayintle kwaphela, bendinovalo ndicinga ukuba uPercy akakulungelanga ukudlala okwangoku. Sifuna abadlali abakulungele ukudlala hayi ngesimo somzimba kodwa nangengqondo ngokuba lemidlalo emibini ibalulekile.

“Asikwazi kwenza impazamo. Kunyanzelekile siyiphumelele – yiyo lonto ndingambizanga uPercy kulemidlalo emibini.”

FUNDA NALAPHA: UMngqithi Utshona Evela Ngokapteni uMshishi