
ISundowns Izakudibana Neembangi ZaseYiphutha
CAF CL – IMamelodi Sundowns izakuqubisana neAl Ahly kumdlalo weCAF Champions League kwisigaba se-semi-finals.
AmaSandawana aguqise iEsperance yaseTunisia ngolwesibini kumdlalo ububanjelwe kwibala iStade Olympique de Tunisia.
Inqaku likaPeter Shalulile kumlenze wokuqala ePitoli lincede eliqela likaMiguel Cardoso njengokuba bedlale ngokulingana eTunisia.
Kwisiqingatha sokuqala, umdlalo ubunzima kodwa womabini amaqela abonakalise amendu namandla kodwa abatyeleli bawulawulile umdlalo.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Oshiya IPirates Akaboni Ziphazamiso

Nangona bendlale ngamathuba, uLucas Ribeiro ukuwazile ukusokolisa iEsperance ngasemva ekuzeni kuphela isiqingatha sokuqala.
Kusenjalo, abasingathi balomdlalo nabo bakwazile ukudala amathuba kodwa bohlulekile ukuwavalela.
Unozinti weDawana uRonwen Wiliams uvavanywe nguMohammed Tougai kumzamo wefree-kick kumzuzu wesibini kodwa ukapteni weBafana Bafana wavala.
Kwisiqingatha sokuqala, uMarcelo Allende ufumane ibhola embindini webala kodwa ibhola yakhe entle ibethe iipali yabuyela emdlalweni. Saphela zibambene ngembande’skhova.
FUNDA NALAPHA: URiveiro WePirates Akawuvali Umlomo NgeSundowns
Emva kwekhefu, uRibeiro ebenethuba lokuqhekeza iqanda kodwa ibhola yakhe yaphuma ecaleni kweepali.
Kwimizuzwana emva koko, ezaseTunisia zilivalelele ngo Achraf Jabri kodwa alibalwanga elonqaku njengokuba oosompempe basebenzise iVAR bafumanisa ukuba ebengaphambili kwabanye abadlali.
ISundowns izamile ukulwa yaze yafumana impumelelo idlulela kwisigaba esilandelayo nalapho izakujongana neenkunzi zaseYiphutha iAhly.
