
Igqala LeBafana Lixhasa ISundowns NePirates
CAF CL – Owayesakuba ngukapteni weBafana Bafana uLucas Radebe uxhasa iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates kwelaseAfrika.
URhoo uthi lifikile ithuba lokuba amaqela aseAfrika esemazantsi alawule izwekazi ingakumbi amaqela aseYiphutha.
AmaSandawana azakuqubisana neAl Ahly ukanti eziMnyama Ngenkani zijongana nePyramids eYiphutha ngolwesihlanu.
Womabini lamaqela eBetway Premiership adlale ngokulingana kwitumente yeCAF Champions League kwimilenze yokuqala kwiveki ephelileyo ekhaya.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Utyibela Ezakhe Ezize Nodumo KwiCAF
Ethetha nephephandaba iPhakaaathi, lomakadebona owayedlala kwiLeeds United, Kaizer Chiefs kunye neBafana uthi unethemba lempumelelo ngolwesihlanu.
“Ndicinga ukuba ibhola yaseMzantsi Afrika isibonisile ukuba ikhulile yaye ingaqhuba kakuhle kwiitumente ezinkulu,” litsho eligqala.

“Ndiyakholwa ukuba xa sijonga imidlalo esiyidlala ekhaya namaqela aseMantla, umahluko usekhona kodwa umsantsa uyavaleka.
“Sibabonisile sidlala ekhaya nangona bokunzima ukuwabetha lamaqela iAh;y nePyramids. Kuyafuneka sikholelwe kuthi.
FUNDA NALAPHO: UOnyango Akanavalo NgeAl Ahly EYiphutha
“Lifikile ithuba lokuba sitsho sithi siwabethile lamaqela, iSundowns nePirates ingayenza lonto.
“Sibonile nakwiqela leBafana okokuba xa uzimisele ingenzeka into enkulu. Siyakwazi ngoku ukuba neqela elidibene.
“Ubuninzi babadlali beBafana basuka kwiSundowns nePirates yaye uHugo Broos uyayifumana inkxaso kwiSAFA. Ndiyathemba sinethuba elikhulu kulemidlalo yeSundowns nePirates.”
