
UBroos Uyavuma Ezakhe Zisenalo Ithuba Kweyomhlaba
BAFANA: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi kufuneka bakhawuleze bawaqukumbele amaphupho wabo wokuya kwindebe yomhlaba iFIFA World Cup.
UBroos uthethe wenjenje emva kokudlala ntanganye nelizwe laseNigeria ngolwesibini kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ezakubanjelwa eMelika.
Emva kokufaka inqaku ngukapteni weNigeria uWilliam Troost-Ekong kulandela umdlalo omhle kaMohau Nkota, iBafana iyekelele umxakatho.
Kwimizamo yeeSuper Eagles, zilifumane inqaku ezaNigeria nangona elinqaku lixoxisa njengokuba kucaca ukuba ibethe isandla sikaCyriel Dessers ibhola yakhe yamshiya uRonwen Williams.
FUNDA NALAPHA: IPirates Ingaphulukana NoMofokeng – Ingxelo
Kkwimidlalo yabo elandelayo, ezikaBroos zizakuqubisana neZimbabwe kunye neBenin kwinyanga ezayo, midlalo leyo ezakucacisa ukuba iBafana iyaya kwindebe yehlabathi kusini na.

“Ndicinga ukuba uMzantsi Afrika weminyaka emibini egqithile ngabe ubethiwe yiNigeria. Besiyazi ukuba isiqingatha sesibini besinzima.
“Besiyazi ukuba bekufuneka singadlali ibhola qha kodwa silwe – yiyo into esithe sayizama leyo.
“Silwe njengokuba neembangi zethu bezisilwa, besinamandla njengabo. Yaye ndicinga ukuba iziphumo zilungile, alikho iqela ebekufanele liphumelele.
“Into endiyingayo emva kokufumana inqaku kulomdlao, kufuneka sikhawuleze sifumane impumelelo yaye sinamathuba amabini okwenza njalo.
FUNDA NALAPHA: UManqoba Uthi Bagacele Ukubetha ISundowns
“Ndicinga ukuba besivale kakuhle emva ngabe abalifakanga inqaku yaye libethe isandla lo nto ithi yipenalthi leya.
“Kodwa ke, siyazi iphele ngo1-1 kodwa xa ujonga imizamo yoMzantsi Afrika, ungangqina ukuba sense kakuhle kakhulu.”
