Betway Premiership

USirino Uphawula Ngoxanduva Lwakhe KwiChiefs

Umdlali weKaizer Chiefs uGaston Sirino uphawula ngoxanduva lwakhe alithwele eNaturena emva kokudlala kakuhle ngomgqibelo.

USirino ebengumdlali ovelele bebetha iSuperSport United koweCarling Knockout Cup ngamanqaku amane kwimbandeskhova.

Emva kwalomdlalo, lomdlali osuka kwiMamelodi Sundowns uthi uyawazi umsebenzi ekufuneka ewenzile kwiChiefs xa kuthethwa ngamava.

FUNDA NALAPHA: Ilahlekelwe ISundowns UZwane Esonzakala

Njengokuba bezakudlala neSundowns okwesibini kulesizini, uSirino uthathe indebe yeMan of the Match yaye uthi kunzima kwiqela elikhulu njengeChiefs.

“Ibingumdlalo onzima kakhuku neSuperSport, siyabazi bayadlala. Ibinzima imizuzu engamashumi amathathu yokuqala,” utshilo lomdlali ona33.

“Sizamile sasebenza nzima, ndicinga ukuba sidlale kakuhle emva kokuba sifake inqaku lokuqala.

Sirino

“Kufuneka sisebenze nzima ngokuba iKaizer Chiefs liqela elikhulu. Kunyanzelekile siphumelele yonke imidlalo.”

Ngaphandle komonzakalo athe wawufumana emdlalweni kwibala iPeter Mokaba, uSirino kulindeleke awulungele oweBetway Premiership neSuperSport ngomgqibelo.

Lomdlali waseUruguay ugqithise nomyalezo kusihlalo uKaizer Motaung njengokuba ebebhiyozela umhla wakhe wokuzalwa kwiveki ephelile.

“Luxanduva olukhulu ukudlalela iChiefs kodwa ndilapha yaye ndizimisele ukunceda iqela lethu,” uyaqhuba uSirino.

FUNDA NALAPHA: USirino Unconywa Ngokuguqula IChiefs

“Ndicinga ukuba siguqule indlela esidlala ngayo ngaphantsi kukaNasreddine Nabi, yinto akwazile ukuyenza leyo.

“Ukuba uyajonga kumdlalo wethu neSundowns, sasidinga ukufaka amanqaku ukuze siphumelele kodwa ke ngumdlalo webhola lo.

“Ngoku kufuneka sizilungise sijonge omnye umdlalo onzima neSuperSport.

“Ndiyafuna nokugqithisa umyalezo womhla wokuzalwa, ndithi uyingqwele kuthi.”