Betway Premiership

URamovic Uncoma IPirates Ebukhali

BETWAY PREMIERSHIP – Iimpazamo zethu zizo ezisibethise ngeOrlando Pirates, utsho uSead Ramovic weTS Galaxy.

IGalaxy ibethwe ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weligi ngolwesibini kwibala iMbombela kodwa uRamovic uyayincoma iPirates.

Eliqela laseMpumalanga lizibona lijongene nezembe emva kwesiqalo esibi, iGalaxy ibethwe imidlalo emine badlala wamnye ngokulingana kwemihlanu eligini.

FUNDA NALAPHA: UKopo Utyhola Usompempe Ngobuhlanga

Ekhupha imbilini yakhe emva komdlalo, uRamovic uthe iPirates iqinile yaye babethwe ngenxa yokwenza iimpazamo ezininzi.

Kusenja;lo, eziMnyama Ngenkani ziqhubekile nokuphumelela njengokuba zihleli phezulu etafileni, zishiya iMamelodi Sundowns ngamanqaku asithandathu.

Kodwa iSundowns izakudlala ngokuhlwa kwangolwesithathu neCape Town City eLoftus Versfeld emva kokuquthiswa yiPolokwane City ngecawe.

Amanqaku ePirates wona afakwe nguThalente Mbatha noRelebohile Mofokeng – lomqeqeshi waseJamani uthi bebelindele ubungozi bezaseSoweto.

“Ndiyakholwa ukuba size kulomdlalo sizilungiselele. Kodwa senze iimpazamo ezininzi,” utshilo uRamovic kwabakwaSuperSport TV.

“Senze iimpazamo kumdlalo wethu yaye saphisa ngamanqaku alula kodwa andifuni kungayincomi iPirates.

“Liqela eliqinile, banabadlali abakwizinga eliphezulu. Umqeqeshi wabo uyawazi umsebenzi wakhe kodwa sibaphile amanqaku.

FUNDA NALAPHA: ISundowns Ibethiwe Qha – Utsho UKomphela

“Lilonke, emva kokuphumelela eOrlando, besiyazi ukuba bazakuza ngamandla bangasihlaseli kwicounter attack, kwenzeke lonto ngqo.”

Xa sijonga imidlalo yabo ezayo, iiRockets zizakudibana neMagesi FC koweCarling Knockout Cup ngecawe.

EzikaClinton Larsen zakhupha iPirates kuletumente kodwa zjongana neKaizer Chiefs ngokuhlwa kwangolwesithathu ePeter Mokaba ePolokwane.