CAF Champions League

UBroos Uncoma IPirates, Sundowns neStellies

CAF – Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos unovuyo encoma amaqela afana neMamelodi Sundowns neOrlando Pirates.

IPirates neSundowns zidlala kwiCAF Champions League ukanti iStellies sona sikwiConfederation Cup – uBroos uthi ukudlala kwezitumente kunceda iBafana.

Ethetha nabeendaba, lomqeqeshi waseBelgium unochulumanco ngalamaqela esithi uwanqwenelela okuhle apho kushiyeke amaqela asibhozo kwitumente nganye.

Kwitumente yeAFCON yanyakenye, uBroos wancedwa ngabadlali beSandawana eyayinabadlali abaninzi kunamaqela wonke adlala kwiBetway Premiership.

FUNDA NALAPHA: “Soze Ndibaphoxe” Utsho UMofokeng WePirates

Kusenjalo, abadlali beStellies, Pirates kunye neSundowns kulindeleke ukuba bafakwe kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi2026 FIFA World Cup njengokuba bezakujongana neLesotho neBenin.

“Uyazi ukuba sesinye sezizathu ezabangela ukuba siqhube kakuhle kwitumente yeAFCON, sasinabadlali abathandathu ukuya kwisixhenxe beSundowns,” utsho uBroos.

CAF

“Siyazi amava abawufamana kwiChampions League. Lilonke yiyo into eyasinceda.

“Uyabona ngoku iPirates iqhuba kakuhle, bathandathu abadlali abakwiqela leBafana. Ndiyavuya ukubona amaqela aseMzantsi Afrika eqhuba kakuhle bengena kwisigaba esilandelayo.

FUNDA NALAPHA: UCardoso Ukhala Ngomdino Bephoxeka EMbombela

“Bafumana amava yaye amanye amaqela eBetway awayifumani lonto.”

Ngaphezu koko, uBroos uthethe ngefuthe leetumente ezifana neCHAN neCOSAFA nalapho wavela abadlali abafana noOswin Appollis kunye noElias Mokwana.

“Intle itumente efana neCHAN neCOSAFA ngokuba safumana abafana abanje ngoAppollis noMokwana, Relebohile Mofokeng nabanye,” uyaqhuba.

“Ndiyavuya iStellenbosch, neSundowns kunye nePirates ngendlela abadlala ngayo kwezitumente. Ngaphambili kwakuyiSundowns yodwa – kodwa ngoku inani lonyukile, intle lonto xa sijonga iBafana.”