Betway PremiershipMamelodi Sundowns

OweSundowns Akanaxhala Ngokushiya KukaRulani

Omnye wabadlali abathenjiweyo kwiMamelodi Sundowns uRivaldo Coetzee udize ukuba sele ebulungele ubomi ngaphandle kukaRulani Mokwena oshiye eli qela.

uMokwena wakhonjwa indlela yiSundowns emva kokukhokela eli qela kwisizini egqithileyo nalapho bathi bayiphumelela okwesixhenxe.

Ethetha phambi komdlalo wabo neStellenbosch FC weMTN8 ePitoli kuleveki, uCoetzee uthi baqhelile ukusebenza nomqeqeshi uManqoba Mngqithi yaye abanaxhala ngokushiya kuka Mokwena.

Lomqeqeshi washiya iBrazilians waze wajoyina iqela iWydad Casabalnca yaseMorocco emva kweeveki ezimbalwa iibhatyi zigcwele umoya.

Nangona enamahla-ndenyuka ngenxa yokwenzakala, uCoetzee ona27 uyaqhubeka ngokuziveza njengomdlali ovelele eChloorkop xa ephilile. Kulesizini ephelileyo, lomfo waseKakamas udlale imidlalo engama29 kwiitumemnte zonke ku2023/24.

Emva kokuhamba kukaMokwena, iSundowns yadiza ukubuya kukaSteve Komphela yaphinda yaqesha uRomain Folz njengabancedisi bakaMngqithi.

“Ndicinga ukuba kulesizini egqithile ndaqala kakuhle njengokuba ndazilungiselela kakuhle. Nangoku ke kusenjalo. Ndiziva ndiyilungele lesizini nangona izakuba nemiceli mngeni,” utsho uCoetzee.

“Xa ndincokola ngabaqeqeshi, andiboni ukuba siphazamisekile ngoba umqeqeshi uManqoba uyalazi eliqela – uneminyaka yaye kudala elapha.

“Kukhona inkqubela and siqhubeka apho besiyeke khona. Sijonge lukhulu kulesizini, yibhola lena, ngenye imini ulapha ngenye imini uzifumane kwelinye iqela. Ngelishwa ngumqeqeshi ongekhoyo apha.

“Kulesizini ezayo kungabandim okanye omnye umdlali. Into engamandla kukukwazi ukuvisisa sizinze kwimibono kaManqoba senze zonke izinto akazilindele kuthi.”

AmaSandawana alindeleke ukuba ajongane neStellies ngolwesithathu koweMTN8 eLucas Moripe Stadium – uCoetzee uthi bafuna ukuphumelela lendebe.

“Apha kwiSundowns silindeleke ukuphumelela yonke imidlalo neendebe. Siyazi ukuba soze siphumelele yonke imidlalo okanye iindebe kodwa siyafuna ukuphumelela,” uyongeza uCoetzee.

“Wonke amaqela alapha kuletumente yeMTN8, ayafuna ukuqhuba kakuhle ngokuba udlala imidlalo emithathu ufumane ithuba lokuphakamisa indebe. Ngaphambi kokudlala imidlalo emihlanu kweyeligi ungabe sowunendebe.”