
Usenomvandedwa Ngamanqaku Bedlala NeBrazil
Unozinti weBafana Bafana uRonwen Williams uthi usenomvandedwa ngokuvulela amanqaku amahlanu bedlala neBrazil ngo2014.
UWilliams wanikwa ithuba ngumqeqeshi uGordon Igesund kumdlalo wakhe wokuqala weBafana kodwa babethwa ngo5-0 kwibala FNB.
Ngaphezu koko, lonozinti weMamelodi Sundowns uthi akonwabi xa ekhumbula umdlalo wabo nelizwe laseFrance nalapho baquthiswa ngamahlanu eqandeni ngo2022.
Kwincoko nePhakaaathi ngaphambi komdlalo wabo neCongo-Brazzaville ngolwesihlanu eGqeberha, uWilliams uthi akukho mnandi kuye.
FUNDA NALAPHA: EZINGENAYO: Uswelekile Owaziwa KwiSundowns
Nangona ezibona esethubeni lokuphumelela indebe yeYashin ngaphantsi kweBallon d’Or, ukapteni weBafana uthi akukho mnandi ukuchola ibhola kahlanu emnatheni wakhe.
“Nangona ndazenza iinzame zokuvala amanqaku, kodwa eyokuvulela amahlanu isandiphethe kakubi kulomidlalo yomibini,” utsho uWilliams.
“Ngokucacileyo akukho mnandi yaye yinto endenzela umvandedwa leyo, ndisayicinga ngokuba yinto endiphatha kakubi.
“Ewe ndadlala kakuhle neFrance. Ndazama ukubonwa kodwa ukuvulela amanqaku amahlanu akundonwabisi.
“Ndisebenza nzima ukuze ndibonakale emdlalweni kodwa ke asoyinto entle kum ukuvulela amanqaku.”
FUNDA NALAPHA: UNabi Uzakuqubisana NoHunt KoweCarling Cup
Emva kwalemidlalo, uWilliams uthi waqina njengomdlali yaye zange azifihle kodwa waqhubeka nobomi ejonge ikamva eliqaqambileyo.
UWilliams ulindeleke ukuba aqale kumdlalo wabo njengokuba ekwazile ukubuyela kwiBafana emva komonzakalo.
“Emva kokubethwa njengeqela, akufuneki uzijongele phantsi njengomdlali kodwa uzomeleze uzokwenza ngcono,” uyaqhuba ukapteni.
“Sesona similo endizixelele ngaso eso. Nasemva komdlalo neBrazil ndakwazi ukuzikhuthaza ngemini elandelayo – ndazimisela ngokuqhubeka nobomi.”
