Betway Premiership

IChiefs Igxeleshe UMorris WeSuperSport

BETWAY PREMIERSHIP – Iingxelo ezingenayo zidiza ukuba iKaizer Chiefs ijonge umdlali weSuperSport United uTashreeq Morris.

Ngokwengxelo ephuma kwiSABC Sport, Amakhosi alungiselela ukusayina lomdlali ngeenjongo zokusombulula iingxaki zabo ngaphambili.

UMorris kuvela ukuba ulindeleke ukuba ayokuxilongwa yiChiefs ngaphambi kokusayina, lento kuthiwa yimedical.

Kusenjalo elijelo leendaba liveza ukuba uNasreddine Nabi kudala emfuna lomdlali owayesakubaleka kwiCape Town City neSekhukhune United.

FUNDA NALAPHA: Umqeqeshi WeChiefs Ufunga Ngokuqinisa Iqela

“IChiefs kudala isemarikeni ifunana nomdlali wangaphambili ukuphucula iqela layo. Ukanti noNabi uvumile kutshanje ukuba uRanga Chivaviro kunye noAshley Du Preez badinga uncedo,” itsho iSABC.

Morris

“Kusenjalo, iChiefs ifake esinye isicelo sokuthenga uOswin Appollis odlalela iPolokwane City kodwa iindaba ezimnandi zezokuba iSuperSport ivumile ukumkhulula uMorris.”

FUNDA NALAPHA: NEDBANK: IChiefs NeSundowns Zifumane Amaqela Amancinci

UMorris ufike ngaphantsi kukaGavin Hunt ezokuvala isikhewu esishiywe nguBradley Grobler oneengxaki zokwenzakala.

Ngaphezu koko, kuvela ukuba lomdlali oneminyaka engama30 ulindeleke ukufika eNaturena kule veki okokuba ufumaneka ephilile okanye ephumelela imedical.

Kwezinye iindaba ngaMakhosi, uNabi ebezimisele ukusayina umdlali waseSwitzerland uRuben del Campo, kodwa kuyacaca ukuba iinzame zabo ziphanzile.