Mamelodi Sundowns

UMngqithi Ugqithisa Umyalezo Kubagxeki Bakhe

Emva nje kokuphulukana nendebe yeMTN8, uManqoba Mngqithi uthi abantu abagxeka iMamelodi Sundowns abakaboni nto.

Lomqeqeshi othe wabhengezwa njengovale isithuba sikaRulani Mokwena oshiyileyo phambi kokuqala kwesizini entsha ka2024/25, uthi akanaxhala ngabagxeki bakhe.

UMngqithi ufumane ukugxekwa ngabalandeli beSundowns ikakhulu kumakhasi onxibelelwano.

EzasePitoli zitywatyushwe siStellenbosch kwimilenze emibini yeWafa Wafa kodwa lomqeqeshi osuka kwiGolden Arrows uthi imbiza yakhe iyavuthwa.

FUNDA NALAPHA: IPSL Ithe Cwaka NgeZigidi KwiBetway Premiership

Oko ethe wathabatha iintambo zolawulo eChloorkop, iSundowns ayikalifaki nqaku ngaphantsi kukaMngqithi ntoleyo exhalabisayo kubalandeli.

Manqoba Mngqithi

IDawana inemidlalo emithathu kulesizini, bafakelwa yiPolokwane City yaze yabethwa namanqaku amabini eqandeni zezikaSteve Barker.

Ethetha apho bokuphehlelwa iBetway Premiership ngolwesibini eRhawutini, uMngqithi uthe akanandaba nokwenzeka kumakhasi onxibelelwano.

“Andinawo amakhasi onxibelelwano mna ngoko ke andikwazi kuphawula ngento endingayiboni nokuyibona,” utshilo umqeqeshi.

“Okwam nje, into endiyaziyo xa uyinkokheli kubalulekile ukuba uzame ususe iindlebe zakho kubagxeki.

“Kumele ndizinikele emsebenzini wam ngokuba asikho isizathu sokuba abantu bakholwe ukuba andikwazi kukhokela nokuqeqesha iSundowns.

“Okwam nje kukuba ndikholelwe ukuba abanatu abacinga njalo banokuba bathunyiwe ukuba bathethe ezozinto.

“Ngabantu endicinga ukuba banengxaki nam yaye ke izinto abazithethayo zinganceda abo bantu babathumileyo.

“Mna ke dniyakholelwa ukuba ndingayiqeqesha iSundowns yaye umntu ocinga ngakumbi, yinto endingayivisisi leyo.”

FUNDA NALAPHA: Imbali OweBafana Echongwa KweyeBallon d’Or

Xa sijonga umdlalo wabo olandelayo, iintshatsheli zeligi zizakujongana neMbabane Swallows yaseSwatini koweCAF Champions League nomhla ka20 kule imiyo.