CAF Champions League

Unconywa Ngesimilo Nangokukhula OwePirates

CAF CHAMPIONS LEAGUE – Umdlali weOrlando Pirates uMakhehlene Makhaula uncoma uThalente Mbatha ngesimilo sakhe.

UMbatha uzenzele udumo kweziMnyama Ngenkani kwimidlalo yeBetway Premiership nakwiChampions League kuquka neBafana Bafana.

Ethetha ngethuba kukhutshwa imidlalo okanye idraw yeNedbank Cup, uMakhaula uthe lomdlali uyazibonakalisa ukuba uzimisele.

FUNDA NALAPHA: NEDBANK: IChiefs NeSundowns Zifumane Amaqela Amancinci

Kusenjalo, esi sibini sasidlala kunye kwiHighlands Park ngaphambi kokwahlukana, uMbatha esiya kwiSuperSport United yena ke uMakhaula esingise kwiAmaZulu FC.

Ngaphandle kokuqhuba kakuhle kwiPirates ngaphantsi kukaJose Riveiro, uMbatha uthe wagqwesa kwiBafana nalapho edlale indima enkulu kwimidlalo yokuzibekela indawo kwiCAF AFCON.

Mbatha

Kulomidlalo uthe wafaka amanqaku amabini yaye uMakhaula uphawule nangobudlelwane babo.

FUNDA NALAPHA: Umqeqeshi WeChiefs Ufunga Ngokuqinisa Iqela

“Ndicinga ukuba uya kude uThalente yaye ndiyamvuyela. Uhlala endenzela umyalezo emnxebeni wam,” utshilo lomdlali.

“Siyatsalelana umnxeba, sihlala sikhangelana ukuba omnye uqhuba njani nalapho sijonga nemidlalo yethu.

“Ungumfana onesimilo yaye uyakwazi ukumamela xa umbonisa okanye umcebisa.”