
UHunt Ugacele Owayasakubaleka KwiChiefs
Umqeqeshi weSuperSport United uGavin Hunt uthi unomdla kumdlali owayesakubaleka kwiKaizer Chiefs uSamir Nurkovic.
UNurkovic uzibhaqa engenaqela okwangoku emva kokuqhawula umtshato neTS Galaxy kulevekli ephelile.
Lefolosi ezalelwa kwilizwe laseSerbia ishiye iGalaxy ngaphambi kokuvulwa kwesizini entsha yeBetway Premiership.
Kwingxelo ekhutshwe liqela laseMbombela, eliqela lithe bekukho ukungaboni ngasolinye ngekamva kwaze kwafikelelwa kweso sigqibo.
FUNDA NALAPHA: Ungcangcazeliswa YiChiefs KaNabi OwoSuthu
Kungoku nje, ezivelayo zidiza ukuba uHunt oneendebe ezine zeligi neSuperSport kunye neBidvest Wits uthi umgacele lomdlali onamava.
“Ifestile okanye isizini yokuthenga abadlali ivala ngolwesihlanu, ngokucacileyo sifuna umdlali omnye okanye ababini,” utshilo uHunt ngalomdlali ona32.
“UNurkovic uyayifanela indlela esidlala ngayo. Yiyo lonto iqela elinje ngeSundowns lithenga abadlali bethu.

“Bajonga lonto yaye ungazibuza xa sidlala ngendlela engabukeki, kutheni bethenga abadlali bethu nje?
“Angeke ndithi asingethandi ukumsayina, angasinika okuninzi yaye ndicinga ukuba siyacinga ukumthatha.
“Kucacile akanaqela kodwa ke siyazi izinto zihamba njani. Andikwazi kuzikhethela.
“Imbi ke ngoku lento ngokuba sinomdlalo ngomgqibelo neRoyal AM, ndiyavuma siyasokola ngaphambili.
“Ukudlalisa abadlali basesiswini phaya phambili yingxaki enkulu kuthi leyo.”
FUNDA NALAPHA: USeema Akaphumi Elubala NgoMbule
UNurkovic owazakhela udumo kwiChiefs, ukhe wadlalela neThwihli Thwahla kodwa ukwazile ukufaka amanqaku alishumi kwiGalaxy kulesizini egqithile.
Okwangoku, Amatsatsantsa AsePitoli aphulukene nomakadebona uBradley Grobler owonzakeleyo yiyo lento uHunt egacele uNurkovic.
Kusenjalo, iindaba zigcwele ezithi eliqela limjongile noZakhele Lepasa weOrlando Pirates njengokuba esokola ngokufumana umdlalo ngaphantsi kukaJose Riveiro.
