Betway Premiership

EZINTSHA: Uqhawukile OkaKapinga NePirates

Ngaphambi komdlalo wayo neChippa United, iOrlando Pirates idize ukuhamba komdlali uLesedi Kapinga.

UKapinga ufike kwiPirates kulesizini ephelile emva kokwahlukana neMamelodi Sundowns apho wayekhalela ukungadlaliswa rhoqo.

Lomdlali osuka nakwiBlack Leopards ushiye iPirates njengokuba eliqela likhuphe ezindaba ngolwesibini.

Ngokwengxelo epapashwe kumakhasi onxibelelwano, ezikaJose Riveiro zithi umdlali neentshatsheli zeNedbank Cup zifikelele kwisivumelwano sokwahlukana.

FUNDA NALAPHA: UCijimpi Ubhodla Umlilo Ngonozinti UMothwa

Kuyacaca ukuba lomdlali ebengonwabanga njengoba ebebulawa yindlala xa sithetha ngokudlala rhoqo.

Lomdlali wasesiswini oneminyaka engama29 ujoyine eziMnyama Nagenkani emva kokuchitha iisizini ezintathu eChloorkop.

Njengokuba edlale imidlalo engama13 ngaphantsi kukaRiveiro, lamaqela avumelene ukwahlukana kulandela umhlangano ngolwesibini.

“Iqela iOrlando Pirates liyakungqina ukuba lifikelele kwisivumelwano sokukhulula uLesedi Kapinga kwisivumelwano sengqesho,” itsho iPirates.

“Womabini amaqela avumelene ukwahlukana kulandlela umhlangano namhlanje (ngolwesibini).

FUNDA NALAPHA: Izifuna KwiBetway Premiership Ifolosi YeYoung Tigers

“Siliqela iOrlando Pirates nosapho ngokupheleleyo, sinqwenela ukumbulela uKapinga ngokuchitha ixesha nathi yaye simnqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe.”

Kusenjalo, amanye amajelo eendaba adiza ukokuba lomdlali angazibona esiya kwiPolokwane City.

Ukuhamba kwakhe kwiPirates kuza kwiintusku ngaphambi kokuvalwa kwesizini yokurhwebelana ngabadlali, ivalwa ngolwesihlanu lesizini.

Xa sijonga isizini yabo, ezintshatsheli zelizwekazi iAfrika zika1995, zizakwamkela iChilli Boys koweBetway Premiership ngokuhlwa kwangolwesithathu eSoweto.