
Igqala LeChiefs Alichazeki Ngemeko KaKhune
BETWAY PREMIERSHIP – Igqala leKaizer Chiefs uBrian Baloyi alichazeki ngendlela ephethwe ngayo indaba kaItumeleng Khune.
UBaloyi owayesakudlalela iBafana Bafana, iMamelodi Sundowns kunye neChiefs uthi lendaba ngabe isonjululwe ngenye indlela.
Ethetha nabeTimesLIVE, uSpider Man uthi usola inkampu kaKhune, iChiefs kunye nalonozinti owaziwa ngoItu.
Ezindaba zivela emva kokuba uKhune ethe waqhawula umtshato neliqela laseNaturena njengokuba kucaca ukuba ebesafuna ukudlala kodwa iqela lona limfuna kwesinye isikhundla.
Kungokunje, uKhune uyabonakala kumabonakude wakwaSABC apho ehlalutya imidlalo, ntoleyo ecacisa mhlophe ukuba uhambile kwezinkunzi zaseSoweto.
FUNDA NALAPHA: Mngqithi: ULarsen Uyakwazi Ukubetha Iintandokazi
UBaloyi uthi uphoxekile yaye ubuhlungu ukubona ubudlelwane bukaKhune neChiefs buphela kabuhlungu ngoluhlobo.
Amakhosi bewefuna uKhune adlale indima njengonozakuzaku okanye umqeqeshi woonozinti kodwa yena ebesafuna ukunxiba ijezi angene ebaleni.
Nangona kucaca ukuba uKhune usazibona enendima ebaleni okanye adlalele elinye iqela kwiBetway Premiership, kuyabonakala ikamva limfiliba.
“Imeko kaKhune ngabe isonjululwe ngenye indlela ngamaqela wonke. Andifuni kusola iqela lodwa, kodwa noKhune kunye nenkampu yakhe,” utsho uBaloyi.
“Emveni kwento yonke, njengendoda uthatha uxanduva uphelise ukutyholana. Bendincokola nabahlobo kustahnje yaye ndithe kuleminyaka emihlanu ukuya kesithandathu, udalile imidlalo engaphantsi kwengama50.
“Khawufane ucinge ukuba ebemise yonke into wajongana nesiqu sakhe nokudlala ibhola. Iminyaka esithandathu kuyalingana nemidlalo engama200 ukuya kwama300.
“Ngabe uhleli kwimidlalo engama600 yaye akukhomntu obengamfumana xa sithetha ngemidlalo kwisigaba sePSL.
“Ngumqela angabe uwushiyile njengesiqu kodwa xa ehleli yedwa ejonga apho evela khona yena uzakuthi “wenze kakuhle kodwa ngabe wenze ngcono”.
“Andidananga nje yilemeko kaKhune kodwa ndiphoxekile liqela, naye kunye nenkampu yakhe ngokuba ngabe bayiphethe ngcono lemeko.”
Eligqala elizalelwa eAlexandra lithi likhe lancokola nabadlali bombhoxo kunye nabeqakamba, esithi akululanga ukubeka phanti emidlalweni.
“Akukho lula ukuyeka ukudlala, bendincokola nabadlali bombhoxo nabeqakamba, nditshilo kubo ukuba ukubeka phantsi iintambo kunzima,” uyaphawula uBaloyi.
FUNDA NALAPHA: ULarsen Unovalo NgeSundowns Efana NeBafana
“Nokuba ujonga abantu abasebenza eburhulumenteni nakwinkampaani zabucala, kufika uxinzelelo xa kufuneka umtnu eyekile emsebenzini.
“Ufumana ukuba kwelinye ixesha kufuneka bahanjiswe bayokufumana uncedo kwiingcaphephe zengqondo. Ungacinga ke xa sithetha ngezemidlalo.
“Abanu abaninzi bayeka ukudlala bengakulungelanga. Xa kufike ithuba lokuyeka ukudlala, uhlala ufuna kodwa iqela lithi yeka.
“Ndabanethamsanqa mna ngokuba ndathatha isigqibo ngokunokwam. Ndandiyazi ukuba lizakufika ithuba. Ndenza isiqiniseko sokuba mhla ndiyeka makube ndim ofuna njalo.
“Ngelishwa ke abanye abafowethu abanalo elothuba.”
