CAF Champions League

URiveiro Utyibela Ezakhe Ezize Nodumo KwiCAF

CAF CL – Umqeqeshi weOrlando Pirates uJose Riveiro uthi iqela lakhe lidlale ngcono kuneMC Alger ngolwesithathu.

IPirates ikwazile ukugqithela kwisigaba esilandelayo njengokuba bethe bafumana inqaku elinye kumdlalo wabo eAlgeria kwiveki ephelile.

Kulomdlalo ububanjelwe eSoweto, eZimnyama Ngenkani zidlale ngokulingana neAlger nalapho bekungekho manqaku kodwa zagqithela phambili.

IPirates ilandela IMamelodi Sundowns ekungeneni kwisemi-finals zendebe yeCAF Champions League ukanti iStelenbosch FC singene kwiisemi-finals zeConfederation Cup..

FUNDA NALAPHA: URiveiro Oshiya IPirates Akaboni Ziphazamiso

Ehlomla ngalomdlalo, uRiveiro uthe uvuyisana nabalandeli yaye yimpumelelo enkulu le njengeqela.

“IOrlando Pirates idlale ngcono kuneliqela kulemidlalo emibini, ndicinga njalo,” utsho uRiveiro.

Orlando Pirates

“Ndivuyisana nabadlali, iqela nabalandeli bethu. Yimpumelelo enkulu le yaye kufuneka siyonwabele. Ayikho into engaguqula ukuba sikwisemi-finals.

FUNDA NALAPHA: URiveiro WePirates Akawuvali Umlomo NgeSundowns

“Ibiliqela ekunzima ukudlala nalo ngokuba badlala ibhola ezinde, enye emva kwenye. Akunandaba nokuba uyabacinezela, kunzima ukufumana ibhola.

“Liqela elihle kakhulu, baqinile, lilonke basidlalise nzima kodwa sikwazile ukuzikhusela singonzakali kwezomeko.

“Sidlale ngentliziyo enkulu. Sidlale ngendlela ebekufanele siwudlale ngayo lomdlalo. Asikhathalelanga ukuwenza ubemhle umdlalo kodwa siphumelele.

“Besilindele imfazwe njengokuba beliqela elihle.”