Betway Premiership

Ubuhlungu Kusweleka Owayesakudlala KwiPirates

BETWAY PREM: UTendai Ndoro owazakhela udumo kwiOrlando Pirates akasekho emhlabeni, ezindaba zingqinwe leliqela laseSoweto.

Kuvakala ukuba uNdoro usweleke ngomvulo nalapho ethe wafunyanwa esefletini yakhe eRahwutini.

uNdoro wafika eMzantsi Afrika kwiqela iMpumalanga Black Aces ngo2013 emva kokuqhuba kakuhle kwitumente yeCOSAFA Cup edlalela iZimbabwe.

FUNDA NALAPHA: UManqoba Uthi Bagacele Ukubetha ISundowns

Emva kokufaka inqwaba yamanqaku kwiChicken Inn neAces, wasayinwa yiPirates ngaphambi kokuya eSaudi Arabia edlalela iAl-Faisaly de wayokufika nakwiAjax Cape Town, Highlands Park kunye neAl-Orouba eOman.

FUNDA NALAPHA: Ugxeka ISAFA Obeka Phantsi KwiBanyana

Kodwa ke ngo2021, kwavela amarhe okuba uNdoro akaphilanga nalapho kwathi ndii imifanekiso embonisa njengomntu okungathi akasaboni kakuhle.

Kuyacaca ukuba ude wohluleka ukulwa nesigulo de waswelelka eneminyaka engama40 ngomvulo.