
Amarhe: UMbule Ujongene Nezembe eChloorkop
Iindaba ezintsha eziphokoka ziphuma eChloorkop zithi umdlali uSipho Mbule angabolekiswa kwiSekhukhune United.
Ezindaba zidizwa liphephandaba lebhola iDiski Times nalapho liveza ukuba lomfana owayesakudlalela iSuperSport United angashiya iMamelodi Sundowns.
UMbule oneminyaka engama26 uzibhaqa esohluleka okanye esokola ukuzifumanela indawo kwiqela likaManqoba Mngqithi.
Njengokuba ekhangela ikhaya elitsha apho angadlala rhoqo, kuvela ukuba ezikaLehlohonolo Seema zimjonge ngamehlo abomvu.
FUNDA NALAPHA: UNabi Uncoma IChiefs, Uhlomla NgoSirino
“UMbule uzibona esemva kubadlali abajonge ukufumana ithuba lokudlala kwiSundowns. Ukhuphiswano lungamandla,” kuchaza iDiski Times.

“Kulindeleke ukuba afumane iqela elitsha apho angafumana ithuba lokudlala khona.”
Ngaphezu koko, elikhasi lifumanisa ukuba lomdlali utsale umdla kwiBabina Noko nalapho engekafikeleli kumgangatho olindelwe yiSundowns.
Njengokuba kulindeleke ukuba ivale isizini yokurhwebelana ngabadlali ngolwesihlanu, uMbule kungenzeka azifumane edlala kwiSekhukhune.
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Ebefuna Imvula Yamanqaku KwiSwallows
Kodwa ke kuybonakala ukuba ukuhamba kwakhe kuxhomekeke ekubeni lamaqela kunye nomdlali avumelane ngesisigqibo.
Lomdlali ozalwa kwiphondo iFreyistata, udlale imidlalo engama51 kwiintshatsheli zeligi yaye unamanqaku amathathu ukusukela ukufika kwakhe ngomnyaka ka2021.
Emva kokuquthisa iMbabane Swallows ngomgqibelo koweCAF Champions League, uMngqithi ujonge ukubetha iSuperSport xa bevula isizini yeBetway Premiership.
Lomdlalo uzakubanjelwa kwibala laseLoftus Versfeld ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangolwesithathu.
