Betway Premiership

UZuma Uchaza Ngesiganeko Sotywala ENaturena

BETWAY PREM – Owayesakudlalela iKaizer Chiefs uDumisani Zuma uchaza ngamarhe athe ndii malunga nengxaki yakhe notywala.

UZuma wakhululwa leliqela laseNaturena, esithi akanayo ingxaki yotwala nangona Amakhosi adiza ukuba uyayithanda ibhekile.

Lomdlali ozalelwe eKZN wafika kwiChiefs ngo2017 esuka kwiBloemfontein Celtic kodwa washiya ngo2022 ngenxa yokungaziphathi kakuhle.

Emva kokushiya kwakhe, uZuma wavumbuluka kwiAmaZulu eThekwini nalapho wathi wadlala imidlalo engama23 wafaka inqaku elinye ngaphambi kokuya kwiMoroka Swallows.

FUNDA NALAPHA: UDitlhokwe Angayilaxaza IChiefs Esiya ELibya

Njengokuba engenaqela kungoku nje, uMsholozi uthethe nejelo leSABC iMetro FM ngolwesithathu ecacisa ngeengxelo zotywala.

“Andinayo ingxaki yotywala. Ndabhaqwa kanye ngento ekuthiwa yibreathalyser, kulapho sabona mna nomphathi uBasia Michaels ukuba masohlukane neChiefs,” utsho uZuma.

“Ndandingasonwabanga konke konke. Savumelana sobabini singamaqela, bandibulela abaphathi beqela besithi enkosi Dumi ngegalelo lakho eqeleni.”

Zuma

Lomdlali uyibhebhethile ingxelo ethi yena zange afike eqeleni okanye wangakwazi ukuzilolonga ngenxa yeenyembezi zikaVitoliya.

“Lomini yile ndandihamba ngayo apho ndabhaqwa khona. Ndicinga ukuba yade yafakwa nakuInstagram,” uyachaza.

FUNDA NALAPHA: UNabi Unomyalezo Kubalandeli BeChiefs

“Ngemini elandelayo, ndafika ndizozilolonga kodwa ndabona indlela abalingane bam abandijonga ngayo.

“Bandixelela ukuba mandijonge ikhasi uInstagram. Ndiyafuna nokucacisa ukuba zange ndiye kwindawo ebizwa ngerehab.

“Emva kwengozi yemoto, ndabhala imbalelwano ndibhalela umphathi okokuba ndifuna ukuyeka ukudlala ibhola.

“Kwakukuninzi okwenzekayo yilonto ndingazange ndikwazi ukufika ndizozilolonga. Bathi ke xa bendifumana bathi mandidibane nomntu oxilonga ingqondo (psychologist).”