
UKopo Utyhola Usompempe Ngobuhlanga
BETWAY PREMIERSHIP – Emva kokubethwa yiAmaZulu FC, uKwanele Kopo weChippa United utyhola usompempe ngokusebenzisa igama elinobuhlanga kuBienvenu Eva Nga.
IChippa ibethwe ngo2-0 ngolwesibini apho izinto zingahambanga kakuhle, ngokutsho kukaKopo obengonwabanga ngabancedisi bakasompempe, uthi ubuhlanga abunandawo ebholeni.
Lomqeqeshi uthethe nabeendaba emva komdlalo weBetway Premiership esithi omnye wabancedisi bakasompempe abathethanga kakuhle kuNga.
Lengxaki iqale emva kokuba lamaqela amabini abandakanyeke kuxhwithwano nalapho uAbbubaker Mobara ethe wafumana ikhadi elibomvu.
FUNDA NALAPHA: ULarsen Wamkela IChiefs Enethemba Elikhulu
Nangona uKopo esithi ezakhe zibethwe ngendlela engakrokrisi, uthe oosompempe kufuneka bonyuse umxakatho.
Eligqala lomqeqeshi lithi limvile uNga ekhalaza kumncedisi kasompempe uKamohelo Ramutsindela ongabonanga ukuba badlaliswe kakubi.
LokaRamutsindela uthe waxelela uNga ukuba uthetha kakhulu yaye uzakumfumana, ntoleyo ihambe yayokufika kwigama elithi ‘ungalibali ubuzwe bakho’.

“UNga uye wafumana ikhadi elimthubi kulomdlalo, uNga uthethe nomcedisi kasompempe esithi kukhona into eyenzeke phambi kwakho,” utsho uKopo.
“Uthe lomdlali kusompempe awuyibonanga kanjani. Waphendula umncedisi wathi uthetha kakhulu, ndizakufumana.
“Kwimizuzwana engamashumi amathathu, wanikwa ikhadi elimthubi uNga, simxelele umncedisi kasomempe ukuba anisiphathi kakuhle – niyasoyikisa.
FUNDA NALAPHA: ISundowns Ibethiwe Qha – Utsho UKomphela
“Ndiyile kuThando Ndzandzeka ndimxelela ukuba into eniyenzayo ayilunganga. Nditsho njalo kuba uEtiosa Ighodaro udlale kakubi kodwa akalinikwanga ikhadi.
“Zenzekile izinto uNga engonwabanga ngumncedisi kasompempe, ndizamile ukunqanda inokuba nindibonile. Ndimvile umncedisi kasompempe exelela umncedisi wam, ‘khanimbuze ukuba uphuma kweliphi ilizwe, lilizwe lam eli, ndihloniphe’.
“Yilonto endenze ndacaphuka. Ligama elinobuhlanga ngobuzwe elo. Asikwazi kuyamkela into enjalo ebholeni yethu nasekuhlaleni.
“Usompempe ongaphantsi kukaFIFA uyenza njani into enjalo kumdlali waseCameroon? Andifuni kuthetha kakhulu ngokuba siyazi bakhuselwe oosompempe eMzantsi Afrika.”
