
UMorena: IBafana Inxanelwe Igazi LeCongo
Umdlali weBafana Bafana uThapelo Morena uthi kufuneka bayinqunqele egoqweni iCongo-Brazzaville ngolwesihlanu.
IBafana ikhangela indawo kwitumente yeCAF African Cup of Nations yaye uMorena uthi kufuneka balungise udonga lwangasemva.
Lomdlali weMamelodi Sundowns uthi abakwazi kuphulukana namanqaku amathathu kumdlalo wabo eGqeberha kusihlwa ngolwesihlanu.
FUNDA NALAPHA: Usenomvandedwa Ngamanqaku Bedlala NeBrazil
UMorena odlala iindawo ezininzi ebaleni, ungqina namazwi kaHugo Broos njengokuba esithi kufuneka bafumane amanqaku asithandathu kulemidlalo nelaseCongo.
Okwangoku, iBafana ihleli kwindawo yesibini, bohlukaniswa ngamagoli neUganda kodwa lomfo waseRandfontein uthi banxanelwe igazi leCongo.
“Ndicinga ukuba siqhuba kakuhle xa sidlala ngaphandle ngokuba sayibetha iSouth Sudan. Ukuba siyaphumelela ekhaya, umdlalo uzakuvuleka xa sisiya eBrazzaville,” utshilo uMorena.
“Kunyanzelekile sivalele amathuba wethu yaye sidlale kakuhle ngasemva. Amalungiselelo asahamba kakuhle ukuza kuthi ga ngoku.
“Umqeqeshi ugxininise kwisimilo sethu nalapho ejonge ukuba saqhuba kanjani kwimidlalo egqithile. Uthethe nangeziphumo zeAFCON.”
FUNDA NALAPHA: ISundowns Igxeleshe ICarling Utsho UMaema
Kuyacaca ukuba uMorena unethemba kumqeqeshi wabo uBroos ophuma kwilizwe laseBelgium – esithi nabo bayathethana bengabadlali.
“Umqeqeshi usidlalele ividiyo zethu zeAFCON apho sakwazi ukufaka amanqaku namanye esawavulela,” uyaqhuba uMatrapa.
“Yinto esikhe sayijonga nathi singabadlali. Siyathethana sisodwa yaye sonke sizimisele ukuphucula umdlalo wethu.”
Lomdlalo uzakubanjelwa kwibala iNelson Mandela Bay eGqeberha ngentsimbi yesixhenxe ngolwesihlanu.
