Mamelodi Sundowns

UCardoso Ukhala Ngomdino Bephoxeka EMbombela

BETWAY PREM – Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uMiguel Cardoso ukhale ngomdino emva kokubethwa yiTS Galaxy ngolwesibini.

ISundowns ibinemisila ephezulu emva kokubhaxabula iOrlando Pirates ngo4-1 kumdlalo wamgomgqibelo kwibala iLoftus Versfeld.

Nangona kunjalo, iSandawana ibethwe ngo1-0 yiGalaxy kodwa lomqeqeshi uthi mininzi imidlalo yabo yaye abakwazanga kubonisa amandla kulomdlalo.

FUNDA NALAPHA: EZINGENAYO: Amakhosi Asayine Umdlali WaseCongo

Ngaphezu koko, uCardoso uthi emva kokudlala imidlalo emine kwisithuba seeyure ezingama72 yenze kubenzima kwezakhe njengokuba inqaku lifakwe nguKamogelo Sebelebele.

“Sikwazile ukulawula umdlalo kwade kwabasekupheleni, iTS Galaxy oko izikhusela ivala ngasemva,” utsho uCardoso kwabeSuperSport.

Cardoso

“Ngokucacileyo asikwazanga ukubonakalisa amandla ebesiwafuna. Ngumdlalo wesine kwiiyure ezingama72 yaye sibethiwe ngaphantsi kwezozizathu.

“Ndicinga ukuba besinamathuba amaninzi nangcono yaye bekufanele sifake amanqaku. Kodwa asikwazanga njengokuba befake inqaku xa kuzakuphela isiqngatha sokuqala.”

FUNDA NALAPHA: Umqeqeshi WeChiefs Ufunga Ngokuqinisa Iqela

Njengokuba ezintshatsheli zeligi zifumene induku emva kwemidlalo elishumi ziphumelela, zizakujongana nomdlalo weNedbank Cup neMpheni Home Defenders ngecawe.

“Isifundo sesokuba masiqhubeke nomsebenzi sijonge umdlalo olandelayo,” uyaqhuba umqeqeshi.

“Ndihlala ndisitsho ukuba inde indlela kwimidlalo yeligi. Akekho umntu ondive ndithetha into eyohlukileyo kuleyo.

“Nangoku ndisamile kwelolizwi. Sizakwazi ukuvuka sikwazi ukugqiba isizini kakuhle.”