
UMngqithi Uncoma Iimpawu ZikaZwane KuMorena
IMamelodi Sundowns iwabeke kuThemba Zwane noThapelo Morena amathemba wayo – uncoma esi sibini umqeqeshi uManqoba Mngqithi.
ISundowns iqukumbela amalungiselelo omdlalo wabo weCAF Champions League neMbabane Swallows yaseSwatini ngomgqibelo.
Ngaphambi kwalomdlalo, uMngqithi uncome esi sibini esithi bangabadlali abaziphethe kakuhle yaye ababeki iimfuno zabo ngaphambi kwezabanye.
Oku kuvele kumdlalo weDawana neSuperPort United weBetway Premiership apho uMshishi engafunanga ukuzithathela udumo.
FUNDA NALAPHA: Rhoo: ‘IChiefs Ingafunda KwiPirates neSundowns’
UZwane ungene kwisiqingatha sesibini yaye ukwazile ukuguqula umdlalo, unconywa ngokukhusela ibhola ibisiya emnatheni kaLucas Ribeiro.
Umqeqeshi uthi ukuba uZwane ebengomnye umdlali, ngabe uye wayigqibezela labhola inqaku kube lelakhe kodwa ubonise ubunkokheli.

Ngaxeshanye, eli khankatha lityibele uMorena lisithi akangomdlali othanda ukuba nezikhalazo ikakhulu xa kudlaliswa abanye endaweni yakhe.
“Kulusizi kuba ndithetha kanje nanku uThapelo ecaleni kwam. Ungacinga ukuba ndithetha kanje kuba elapaha – kodwa ndiyakholwa nguye,” utsho uMngqithi.
“Ngaphandle kokuba ngumfana olungileyo, uwuhloniphile umsebenzi wakhe. Ndikhumbula mhla simsusa endaweni yakhe sifaka uKhuliso Mudau.
“Akazange akhalaze. Namhla ebuya kumonzakalo, wayekulungele ukulwela indawo yakhe yaye walinda ithuba lakhe.
“Ukuba ungumntu ozicingela wedwa, oko kungabuye kukuchane. Uqhube ixesha elide ebholeni ngenxa yalonto.
“Ndiyayazi ukuba usokole wagqitha ezintweni ezininzi njengomonzakalo kodwa ngenxa yokuzinikela namandla anawo – lonto ikwazile ukumnceda aqhubeke.”
Xa sibuyela emdlalweni wabo, iintshatsheli zeligi zihamba phambili ngamanqaku amane eqandeni yaye zijonge ukugqibezela umsebenzi ngomgqibelo.
EzikaMngqithi zisekhaya kulomdlalo eLucas Moripe Stadium kumlo obekelwe intsimbi yesithandathu kusihlwa.
Etyibela uMshishi, umqeqeshi uthi banqabile abadlali abafana nalomfana waseTembisa okhokela ngomzekelo.
“Okokuba ugqiba kwelokuba uhlale unezikhalazo ngenxa yokungadlaliswa okanye kudlaliswa omnye, kuzakuba njani xa isenziwa kuwe?,” uyaqhuba umqeqeshi.
“Ndiyibonile lento endithetha ngayo ngoku besidlala neSuperSport kuThemba Zwane.
FUNDA NALAPHA: UHunt Ugacele Owayasakubaleka KwiChiefs
“Okokuba ebengomnye umdlali okanye umntu, bokungabalula kuye ukuba alifake ngokwakhe elanqaku njengokuba belifakwe nguRibeiro.
“Kodwa uZwane ubonile ukuba ibhola iya emnatheni, lilonke ebengekho umntu obengalinqanda lingangeni.
“Wenze njalo efuna ukuba kungabikho mntu ongayichika yaye ibhola athabathe udumo.
“Yilento ebizwa ngobunkokheli leyo yaye yenye yezinto ezintlanu kwizigaba zobunkokheli. Unjalo ke noThapelo, ungumzekelo walonto.”
