
ULarsen Wamkela IChiefs Enethemba Elikhulu
BETWAY PREMIERSHIP – Ikhankatha leMagesi FC uClinton Larsen uncome ezakhe ngaphambi kokwamkela iKaizer Chiefs ngolwesithathu.
ULarsen uthi kuyamvuyisa ukubona amakhwenkwe wakhe ezama ukulwela amanqaku kwiBetway Premiership.
Ababatshakazi bazixhwithele kwiCape Town City bebuya nenqaku ngecawe eAthlone, uLarsen uthi uphoxekile zizigqibo zabo kodwa uncoma ukuzinikela.
FUNDA NALAPHA: ISundowns Ibethiwe Qha – Utsho UKomphela
Eliqela elizinze ePolokwane lijonge impumelelo yabo yesibini ngaphambi kokujongana nomdlalo weCarling Knockout Cup neTS Galaxy ngempelaveki.
IMagesi yophula iintliziyo zabalandeli beOrlando Pirates kwiCarling eOrlando yaye ijonge ukudanisa Amakhosi ngolwesithathu.
“Besilindele umdlalo onzima neCity, banabadlali abakwizinga eliphezulu yaye ndibalumkisile abadlali bam ngaphambi kokufika eKapa,” utsho uLarsen.
“Akukho lula ukuya eKapa ubuye nenqaku kodwa bendisazi ukuba abadlali bethu bangasemva nesakhiwo sethu, siyaphucuka.

“Yinto ekufuneka siqiniseke ngayo ukuze sikwazi ukuqhuba kakuhle kulesizini. Siyayazi ukuba asinabo abadlali bakwizinga eliphezulu njengamanye amaqela.
“Ndiyavuya xa ndibona abadlali besilwa yaye lonto isigcina sisemdlalweni, lonto yenzeke kaninzi. Balwile nyhani abafana bam.
“Siyinqandile iCity ukuba ingakwazi ukugqobhoza ngoHaashim Domingo. Besizilungiselele ukukhusela iibhola ezifakwa emaqabangeni.
“Isiseko sethu besisihle ngasemva, sibanyanzele ukuba badlale iibhola ezinde.”
Nangona kunjalo, uLarsen owayesakuqeqesha iGolden Arrows neBloemfontein Celtic uthi uphoxekile njengokuba bohlulekile ukuphumelela.
FUNDA NALAPHA: Ilishwa Amakhosi Elahlekelwa NguCastillo
“Ndicinga ukuba sidlale kwizigaba ezithile, yaye bekufanele siwavalele amathuba wethu njengokuba senza sidlala nePirates,” uyaqhuba umqeqeshi.
“Nokuba kunjalo nje, sikwazile ukulwa – ndiyithandile lonto. Ngumdlalo wethu wesihlanu lo yaye sinamanqaku angama25 ekufunela siwalwele, sizakubona emva koko.”
Kusenjalo, umdlalo weMagesi nezikaNasreddine Nabi uzakubanjelwa kwibala iPeter Mokaba ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe.
