
URiveiro Ubalula Okumnika Uvuyo Ngezakhe
Emva kokufumana impumelelo kumdlalo wabo neChippa United, uJose Riveiro uthi kuyamvuyisa ukubona isiqalo esihle kwiOrlando Pirates.
IPirates ivule isizini yayo yeBetway Premiership ngamanqaku amathathu apho ibethe iChippa ngamagowuli amabini kwelinye.
Lomdlalo ububanjelwe kwibala laseOrlando ngokuhlwa ngolwesithathu apho kufake amanqaku uTshegofatso Mabasa noMonnapule Saleng.
Nangona ezaseMpuma Koloni zibone umnatha kuqala ngegowuli elihle likaAndile Jali, ukwenzakala kwakhe kuyichanile iChilli Boys.
FUNDA NALAPHA: UKopo Udanile Kusonzakala UJali ESoweto
Ehlalutya lomdlalo nabeSuperSport, uRiveiro uthe kuyamvuyisa ukuqala ngempumelelo ngokuba baqala kakubi kwisizini egqithile.
Kusenjalo, lomqeqeshi ophuma kwilizwe laseSpain uncome watyibela eliqela laseGqeberha esithi liluqilima.
“Abalulekile lamanqaku, sisiqalo esihle esi njengokuba siphumelele lomdlalo. Kumnyaka ophelile saqala kakubi sibethwa kodwa ngoku siqala ngempumelelo,” utshilo uRiveiro.
“IChippa iliqela ekunzima ukulihlalutya ngokuba ngamakhwenkwe amadala, basebenzisa amandla.
“Kunzima ukujongana nabo okanye ubavalele ekoneni. Kodwa sikwazile ukubuya emdlalweni kwisiqingatha sesibini.
“Ndicinga ukuba sidlale umdlalo omhle kodwa kwizigaba ezithile.
“Sikwazile nokudala amathuba oneleyo kodwa besibonakala singxamile. Ndincoma ukulwa ngokuba ibihamba phambili iChippa.
FUNDA NALAPHA: USeema Akaphumi Elubala NgoMbule
“Ngumkhuba endingathandi siwulandele lowo. Sifuna ukuqala ngcono imidlalo, sidlale ngalendlela yethu kodwa asiyenzanga lonto namhlanje.”
Kusenjalo, Amabhakaniya ajonge ukuzibekela indawo kwisigaba esilandelayo kwitumente yeCAF Champions League xa bequbisana neJwaneng Galaxy ngomgqibelo.
IPirates iphumelele umlenze wokuqala ngamanqaku amabini (2-0) kumdlalo ububanjelwe eBotswana kwiveki ephelileyo
