Kaizer Chiefs

Umqeqeshi WeChiefs Ufunga Ngokuqinisa Iqela

BETWAY PREMIERSHIP – Umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi uthi uzakuliqinisa iqela lakhe emva kokubethwa yiCape Town City ngecawe.

UNabi uthethe kanje nabeendaba emva komdlalo weBetway Premiership kwibala iDHL Cape Town Stadium nalapho inqaku leCity lifakwe nguDarwin Gonzalez.

EzaseKapa bezikhokelwe ngowayesakuqeqesha Amakhosi uMuhsin Ertugral othabathe iintambo okwethutyana kwiCity emva kokugxothwa kukaEric Tinkler.

Emva komdlalo nalapho ebephoxekile uNabi, uthe basebenza ngokuzinikela kwiinzame zabo zokuqinisa eliqela laseNaturena kulenyanga.

FUNDA NALAPHA: URiveiro Uthembisa ICity Induku EOrlando

“Kucacile ukuba xa ujonga iqela lethu, siyabona kunesidingo sokuba siliqinise. Kodwa asifuni kufaka abadlali ngaphantsi kwebhasi,” utshilo uNabi.

“Asifuni ukuthi abadlali bethu bazibone bengekho sezingeni eliphezulu.

Nabi

“Bakulungele ukudlallela eliqela. Ngecawe bakwiqela lethu kodwa kuyafuneka siqinise iqela lethu xa sifumana ithuba kwifestile yokurhwebelana ngabadlali.

“Iqela lethu lisebenza nzima ukufumana amathuba, ndiyathemba izakuphucuka imeko yethu xa siqinise eliqela.”

Kusenjalo, iChiefs izakujongana neStellenbosch ngolwesithathu ekhaya kumdlalo weligi kodwa uNabi uphawule ngomdlali wangaphambili abangamfumana.

Ezinkunzi zaseSoweto zinabadlali abafana noChristian Saile, Ranga Chivaviro kunye Ashley Du Preez kodwa bayasokola ukufaka amanqaku.

“Asicingi ukuba umdlali ofikayo odlala phambili angasombulula iingxaki zethu. Into yokuqala kukuba wonke umdlali aphakamise umxakatho,” wongezile uNabi.

FUNDA NALAPHA: UNabi Uhlisa Imimoya Kubalandeli BeChiefs

“Kuyafuneka abadlali bethu bangangxami ebhokisini, bathabathe izigqibo ezizizo yaye benze imigushuzo ukuze sixhasane.

“Umdlali wangaphambili akasinika amathuba amaninzi kodwa angeke asombulule zonke iingxaki zethu.

“Siwadalile amathuba sidlala neCity kodwa sangakwazi ukuthabatha izigqibo ezizizo. Yiyo into esibethayo leyo, siyohluleka ukufaka amanqaku.

“Kufuneka sidale amathuba kodwa okubalulekile kufuneka siyosebenza sizokwenza ngcono.”