CAF Champions League

UKekana Unethemba Ngokubetha IPyramids ECairo

CAF CL – Igqala leMamelodi Sundowns uHlompho Kekana uthi unethemba lempumelelo kumdlalo wabo nePyramids eYiphutha.

ISundowns izakutyelela iPyramids ngomgqibelo kumlenze wesibini wetumente yeCAF Champions League.

Nangona ezikaMiguel Cardoso zidlale ngokulingana ngomgqibelo ePitoli, uKekana uvumelana noDoctor Khumalo okokuba iSundowns ingaphumelela.

Ethetha kwiSoccer Zone, lokapteni wangaphambili weDawana uthi ezakhe kufuneka zigade iimpazamo kodwa zilwele ukufaka amanqaku.

FUNDA NALAPHA: UWilliams Uyinxanelwe Indebe Entsha YeCAF CL

ULucas Ribeiro nguye ovalele eleDawana kodwa bavula emva njengokuba uWalid El Karti ethe walivalela ngemizuzu yokugqibela.

“Umdlalo uyafundisa yaye ndisakholelwa ukuba umqeqeshi uthe uyazazi iimpazamo zabo – wathi uyazi uzakulungisa kanjani,” utshilo uCradoso.

“Ukuba iOrlando Pirates yakwazi ukuya eYiphutha yafaka amanqaku amabini, neSundowns ingayenza lonto ibuye nodumo.”

Lomdlalo ojongwe ngabomvu uzakudlalelwa kwibala i30 June Air Defence Stadium ngomgqibelo ngentsimbi yesixhenxe.

FUNDA NALAPHA: UMshishi Ugxeleshe EyeCAF Indebe

Lomdlali wasesiswini wangaphambili, wathi wakhokela iSundowns mhla yayibetha iZamalek yaseYiphutha ngo2016 – uthi uyakholelwa kwezintshatsheli zeBetway Premiership.

“Ndiyavumelana noDoc, lendebe kuseyeyeSundowns. Ngabo abangazibethisa kulomdlalo,” utsho uKK.

“Ukuba bayinika umdlalo abawudlale kulemizuzu yokugqibela eLoftus Versfeld – bangayiphumelela indebe.”