CAF Champions League

UMshishi Ugxeleshe EyeCAF Indebe

CAF CL – Emva kokuphakamisa eyeBetway Premiership, ukapteni weMamelodi Sundowns unxanelwe eyeCAF Champions League.

UZwane ngomnye umdlali wababini abaphumelele lendebe yelizwekazi iAfrika ngaphantsi kukaPitso Mosimane ngo2016.

Njengokuba noDenis Onyango ethe usafuna ukudlala nangona eneminyaka engama40, esi sibini kulindeleke ukuba sibonakalise amava kuletumente.

EzikaMiguel Cardoso zizakwamkela iPyramids yaseYiphutha ngomgqibela kumdlalo wamagqibela kankqoyi ngaphambi kokuya eCairo kwiveki ezayo.

FUNDA NALAPHA: Igqala LeDawana Lisafuna Enye Indebe Yeligi

“Sisigaba esibalulekile kuthi esi. Umsebenzi wam kukukhuthaza abadlali bethu ukwenzela bahlale bejongene nomsebenzi,” utshilo uZwane.

“Asikwazi ukuyiyeka lendebe. Besihleli sifuna ukufikelela kowamagqibela kankqoyi – sifikile ngoku yaye kufuneka sense umebenzi.

“Kufuneka siwugqibezele umsebenzi. Besifuna ukugqibezela imidlalo yeligi, ngoku kufuneka sijongane nalomdlalo.”

Lomdlali ozalelwa eTembisa usuka kumonzakalo obizwa ngeAchilles kodwa ukwazile ukubuya nangona eneminyaka engama35, uphawula ngomqeqeshi uCardoso.

FUNDA NALAPHA: UMshishi Uncoma Inkxaso KaVilakazi

“Bendihleli ndingumntu ozithembile yaye uthe xa efika umqeqeshi, ndazama ukuvisisa yonke into ayifuna kum ngokuba besihleli sincokola,” utsho ukapteni weDawana.

“Undixelele ke ukuba uzakundilinda ndibuye, ndiphile kulamonzakalo. Ndiziva ndikulungele ukudlala, ngokunokwam, ndikwazile ukufumanisa ukuba ulindele ntoni kum.

“Umsebenzi wam kukuba mandibuye ngamandla ndilwele indawo yam.”

Lomdlalo weSundowns nePyramids uzakubanjelwa kwibala iLoftus Versfeld ngomgqibelo ngentsimbi yesithathu.