
UNabi Akafuni Kuxabana Nabalandeli Ngenxa Yonondaba
CARLING CUP – Ngaphambi komdlalo wabo neMamelodi Sundowns, uNasreddine Nabi weKaizer Chiefs ugxeke amajelo eendaba esithi amfakela uxinzelelo.
Lomqeqeshi waseTunisia ufike waguqula indlela edlala ngayo iChiefs kodwa uthi akajonganga kuphakamisa indebe okwangoku ngokuba kusekutsha.
Uthi mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe yaye amajelo eendaba mawangathethi ngeendebe kuba ingamxabanisa nabalandeli lonto.
FUNDA NALAPHA: Ukhala KwabePSL UNabi Emva KoweMagesi
Amakhosi asekhaya ngomgqibelo ezakwamkela amaSandawana kwibala iFNB nalapho bejonge ukugqithela kumjikelo olandelayo waletumente.
Kusenjalo, iChiefs ijonge nokuphelisa indlala yeendebe njengokuba bezakugqiba iminyaka engamashumi bengaphakamisi isitya.
Uthethe kanje uNabi emva kokudlala ngokulingana neMagesi FC koweBetway Premiership ngolwesithathu, iChiefs ibuye emva kokusokola iMagesi ihamba phambili ngo2-0.
“Iinjongo zethu kukuzama zifezekise amaphuphpo wethu ngokusebenza nzima, ezinjongo zinezigaba ngezigaba kodwa bakhona abeendaba abazama enye into,” utsho uNabi kwabeSABC.
“Bazama ukuthi iChiefs zintandokazi zokulwela iligi okanye iindebe. Ayikho njalo lonto ngokuba kufuneka silwele iziphumo sidlale.’
“Okwangoku, ikhona into eyenzekileyo. Kuleminyaka elishumi edlulileyo, ilishumi singenandebe, kodwa kulesizini egqithile ibiyeyona embi kwimbali yeKaizer Chiefs – iphele kwindawo yeshumi.
“Lonto isixelela ukuba kusafuneka sisebenze kuleminyaka ezayo ukuze sibeyileChiefs eyaziwayo. Ukuba sifuna ukuba phezulu eligini.
“Ndingatsho ndithi okwangoku kunezigaba ekufuneka sizilandele yaye kufuneka sithi chu kakuhle, singangxami ngendlela esifuna ukubuyisa isidima seChiefs.”
FUNDA NALAPHA: Mngqithi: ‘Kungcono Xa ISundowns Ileqa IPirates”
Njengokuba esaziwa njengomqeqeshi onesakhono sokuphumelela iindebe kumaqela wakhe wangaphambili iASFAR Rabat neYoung Africans, uNabi uthi akafuni kuxabana nabalandeli.
“Ukuba siyangxama sithethe ngeendebe, lonto izakundixabanisa nabalandeli. Izakudala kungabikho imvisiswano. Kodwa ndiyatsho sizakusebenza nzima silwele iziphumo,” ucacisile umqeqeshi.
“Yiyo lonto ndifuna ukuxelela abeendaba ukuba bayeke ukufaka umoya onjalo kubalandeli bethu – okokuba singaphumela indebe.”
