Kaizer Chiefs

UBvuma Uphawula Ngezigxeko Zegqala UKhune

KAIZER CHIEFS – Unozinti weKaizer Chiefs uBruce Bvuma uphendule igqala laMakhosi uItumeleng Khune emva kokuthi akamameli.

UKhune uthethe nephephandaba iDiski Times nalapho ethe uBvuma uneempazamo ezininzi ngokuba wayengazithathi iingcebiso zakhe.

Kusenjalo, eligqala lithe uRonwen Williams weMamelodi Sundowns nguye owathi wazithatha iingcebiso zakhe yiyo lonto eqhuba kakuhle kwezaseChloorkop nakwiBafana Bafana.

FUNDA NALAPHA: ‘Ndiyithandazele iChiefs Ibethe ISundowns’ – Utsho UKhumalo

Ephawula ngemibono kaKhune, uBvuma uthi uyamhlonipha uKhune njengegqala nanjengomntu othe wenza imbali kweliqela laseNaturena nakwiBafana.

Ethetha namajelo eendaba ngolwesine, uBvuma uthe uyancokola nonozinti owazakhela udumo kwiChiefs kodwa yena ujongene nomzebenzi wakhe.

Bvuma

Lomgcini zipali oneminyaka engama29, udlale imidlalo engama21 kulesizini nalapho evale kwimidlalo esibhozo njengokuba ekhuphisana noFiacre Ntwari kunye noBrandon Petersen.

“Ndiyancokola noItu, ligqala leChiefs eli yaye into ayenzile kweliqela andiqondi ukuba ukhona umntu ongayizuza lompumelelo,” utshilo uBvuma.

“Into ayenzele elilizwe uKhune inkulu kakhulu. Ndiyamhlonipha. Ndiyancokola naye uItu yaye into eyenzeka kum naye yagqitha, into ayithethile uyithethile.

FUNDA NALAPHA: Uvuyo KuCardoso Encoma Abadlali BeDawana

“Into endijongene nayo kukusebenzela iqela lethu, ndizimisele ukuqhuba kakuhle kwiqela lethu nokuqinisekisa okokuba ndiyazinikela kweliqela.”

Kusenjalo, iChiefs iphuma ekudlaleni ngokulingana neChippa United kodwa bajongana neMarumo Gallants kulempelaveki ngomgqibelo kwibala iFNB.

Emva koko, bazakuqubisana neenkunzi zaseSoweto iOrlando Pirates kwiveki ezayo kumdlalo weligi ojongwe ngabomvu.