
INGXELO: UNabi Usahleli Okwangoku ENaturena
Kaizer Chiefs – Ngokweengxelo ezijikelezayo, umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasredinne Nabi usahleli okwangoku kodwa ikamva limfiliba.
Ingxelo ekhutshwe liphephandaba iSoccer Laduma iveza ukuba uNabi usahleli eNaturena nangona lingacaci ikamva lakhe.
Oku kulandela iingxelo ezidize ukuba lomqeqeshi angahamba xa kuphela isizini nangona ethe waphumelela indebe yeNedbank Cup emva kweesizini ezilishumi.
Amarhe ngekamva likaNabi avela kwiphephandaba iSunday Times emva kokuphakamisa indebe yeKe Yona – kwavela ukuba uzakuhamba nabancedisi bakhe.
FUNDA NALAPHA: Uhambile UTimm, UMaela Ubeka Phantsi KwiPirates
Ngaphantsi kukaNabi, Amakhosi ohlulekile ukungena kwisigaba samaqela asibhozo njengokuba bephumelele imidlalo esibhozo babethwa elishumi elinesibini emva kwemidlalo engama28.

NgokweSoccer Laduma, iChiefs izamgcina uNabi okwangoku yaye kuvela ukuba uzakubakhona kumalungiselelo wesizini ezayo.
FUNDA NALAPHA: Igqala LeDawana Lisafuna Enye Indebe Yeligi
Emva kokuphumelela indebe yeNedbank, iChiefs idlale ngokulingana nePolokwane City bevala isizini yeBetway Premiership.
“Okwangoku, siyazi ukuba umqeqeshi uzakubakhona kumalungiselelo wesizini entsha nakuhambo lweqela,” utsho umthombo.
“Ukanti kuyavela nokuba ikamva lakhe alicaci ncam kodwa uzakubakho xa kulungiselelwa isizini ezayo.
“Ndiqinisekile ngaleyo. Kanti ke ukwazile nokucebisa abaphathi ngabadlali akafuna ukubasayina yaye ufuna ukubakhona ayibone lonto isenzeka.
“Zime kanjalo izinto okwangoku.”
