Kaizer Chiefs

Intandokazi YeSundowns UMaboe Isayine NeChiefs

BETWAY PREM: Umdlali owaduma kwiKaizer Chiefs uLebohang Maboe ujoyine iqela elizimbangi iKaizer Chiefs.

Ezindaba zivela nje ngaphambi kokuba lamaqela aqubisane ngolwesithathu ngolwemivundla kwibala iFNB Stadium kumdlalo weligi ojongwe ngabomvu.

Amakhosi akhuphe ezindaba kumakhasi onxibelelwano ngolwesibini kodwa akucaci ukuba usayine iminyaka emingaphi kwezikaNasreddine Nabi.

FUNDA NALAPHA: Owaduma KwiSundowns Ufumene Iqela Elitsha

Ephawula ngokufumana uMaboe, uKaizer Motaung Jr ongumphathi kwiChiefs, uthe uMaboe uzakulinceda eliqela laseNaturena.

Kusenjalo, uthe uMaboe ozalelwa eRatanda kude kufuphi naseHeidelberg, uthe lomfana ubuyela ekhaya njengokuba wayedlalela inkulisa yeChiefs.

UMaboe okhe wabolekiswa kwiSuperSport United ebejonge ukubuyela kwiqela lakhe langaphambili iDurban City (Maritzburg United) kodwa akwenzekanga oko.

Lomdlali okwaziyo ukubaleka kwiindawo ezininzi ebaleni oneminyaka engama30 ngumdlali weshumi osayinwa yiChiefs kulesizini.

FUNDA NALAPHA: UNgcobo Uthi Bangayingcwaba ISundowns Enamanxeba

“Siyamazi uLebo ngumdlali osezingeni eliphezulu othe wafumana amava emva kokudlala kwiitumente zalapha eAfrika,” utshilo uMotaung.

“Ubuchule bakhe buzakubaluleka kuthi, apha kwiligi nakwitumente yeCAF Confederation Cup.

“Sinovuyo ukumamnkela kwakhona apha kwikhaya laMakhosi. Wayelapha yaye uyayazi inkcubeko nezinto ezilindelwe ngabalandeli kubadlali bethu.”